UXolani Gcelu oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ugwetywe izigwebo ezisibhozo zobomi kunye neminyaka elikhulu elinamashumi amathandathu anesibini (162) ethothoza entolongweni ngomhla wesibini kuCanzibe, ngamatyala angamashumi amathathu anesine aquka ukuqhekeza, ukuxhwila, nokuphanga esebenzisa iimeko ezimanyukunyezi, ukudlwengula kunye nokuzama ukubulala.
UMene ukwaqhwabele izandla izakhono zophando zikaSekela Gosa loPhando uSajini Ndileka Bokolo ngokuzisa ubulungisa kumaxhoba ezi zenzo zolwaphulo-mthetho zimasikizi.
Ngexesha lolawulo lwakhe lobugrogrisi, uGcelu wadlwengula abasetyhini abasibhozo abaphakathi kweminyaka elishumi elinesibhozo ukuya kumashumi amabini anesixhenxe ubudala, abahlanu kubo ingamantombazana esikolo. Omnye umfundi naye wakhulelwa unyana wakhe.
Umenzi wobubi waqala wabanjwa ngenyanga yeKhala ka-2019, kodwa ityala larhoxiswa okwethutyana kusalindwe iziphumo zeDNA. Waphinda wabanjwa ngenyanga yoMsintsi ka-2022 eNtshona Koloni waza wahlala eluvalelweni emva koko.
Ngovavanyo lweDNA, umrhanelwa uyayanyaniswa namatyala asibhozo odlwengulo kwindawo yaseLibode nakuTsolo eMpuma Koloni.
“Ukugwetywa kwezigwebo zobomi ezisibhozo kulo mdlwenguli ngokulandelelana kuqaqambisa ubunzulu bamatyala akhe amanyukunyezi,” utshilo u-LT General Mene.
“Ubulungisa benziwe, kwaye oku kuthumela umyalezo ocacileyo wokuba ezi zenzo zilisikizi azisayi kunyanyezelwa kwaye abo bafuna ukwenzakalisa abo basesichengeni, baya kubanjwa kwaye baphendule ngezenzo zabo.
“Siyakuxabisa ukuzinikela kwabacuphi bethu abathe baqhubeka belandela kwaye benika ingqwalasela kuzo zonke iinkcukacha zetyala kwakunye neenzame ezibalaseleyo zegunya elitshutshisayo ekuqinisekiseni izigwebo enkundleni,” uqukumbele watsho uMene.
