Home Iindaba ISikolo esineminyaka engama-100 ubudala saseFlagstaff siyawohloka.

    ISikolo esineminyaka engama-100 ubudala saseFlagstaff siyawohloka.

    Ngo-2013 iFlagstaff Comprehensive High School yathenjiswa ngesabelo seprojekthi ye-R195 yezigidi. Kodwa akukho nto yenzekayo.

    Umfanekiso: Amanye wamagumbi wokufundela eFlaggstaff comprehensive high school.

    By Buhle Nomgalasa.

    ISikolo samabanga aphakamileyo iFlagstaff Comprehensive High kwilali yaseDlibona eMpuma Kapa, esakhiwe ngabahlali kwiminyaka engaphaya kwekhulu eyadlulayo, sasiza kwakhiwa ngokutsha ngo-2013. Kodwa emva kweminyaka, esi sikolo sisekwi meko embi kakhulu. Amagumbi okufundela agugile, ayavuza, aneefestile neengcango eziqhekekileyo kunye neendonga eziqhekekileyo.

    Ngexesha lee mvula ezinkulu, abafundi basoloko begoduswa ngenxa yokuba amagumbi okufundela azele ngamanzi. Zilishumi elinesine -(14) izindlu zangasese ezinemingxuma, zimbini kuphela kuzo ezikwimeko yokusebenza. Eziseleyo azinamacango kwaye nezihlalo zophukile.

    Ukusukela oko sakhiwa ngabahlali ngo-1924, esi sikolo safumana umgangatho waso wokuqala ngo-1975 ukuze senze isikolo samabanga aphakamileyo. Ngonyaka ka-1996 yaba sisikolo esidityanisiweyo. Ngo-2013, isebe lezemfundo lasichonga kunye nezinye izikolo ezibini ezindala ukuba zihlaziywe. Iqumrhu lophuhliso laseMpuma Kapa (ECDC) lanikwa uxanduva lokulawula eli phulo.

    Kwingxelo yayo ka-2015/16, iECDC ithe esi sikolo, sichongwe njengenye yezikolo ezithathu ezindala eziza kuxhamla kwiprojekthi yolwakhiwo ngokutsha exabisa iR195 yezigidi. Esi sikolo sasiza kufumana amagumbi okufundela amatsha asibhozo, indawo yolawulo, iziko leendaba, ilebhu yesayensi, igumbi lenzululwazi yezentlalo, iiofisi ezimbini zeentloko zamasebe, igumbi lokusebenzela lootitshala, igumbi lokutyela nekhitshi, indlu yokugada, iindawo zangasese ezintsha ezingama-19, neendlela ezintsha zokuhamba ezinophahla.

    “Isikolo siya kuba sesokuqala ukugqitywa kwaye kufuneka silungele abafundi baso abayi-1,105 kunyaka omtsha wesikolo,” itshilo i-ECDC.

    Isithethi seECDC uMalithatwe Nombewu ungqinile ukuba isikolo sabelwe bona ngunondyebo wephondo. UNombewu uthe kwaqeshwa ikontraka ngeyeDwarha ngo-2015 ukuze kwakhiwe isikolo samaBanga aPhantsi esagqitywa ngo-2018 ngemali emalunga ne-R40 yezigidi zeerandi. Uthe kuza kufumaneka uhlahlo lwabiwo-mali olwahlukileyo ukuze kwakhiwe isikolo samabanga aphakamileyo esitsha kodwa isebe lezemfundo labayalela ukuba bavale le projekthi kunyaka-mali ka-2019/20.

    Le projekthi iye yabuyiselwa kwisebe lezemfundo njengoko kungakhange kwabiwe uhlahlo lwabiwo-mali olongezelelweyo.

    Sithetha nje esi sikolo sinamagumbi okufundela alishumi elinanye (31) anabafundi abangaphezu kwewaka elinamakhulu amabini (1,200) ukusuka kwibanga lesibhozo (8) ukuya kweleshumi (12). Kumagumbi okufundela alishumi elinanye (31), ngamahlanu kuphela akhiwe ngurhulumente.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks