26.4 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

Isithathu esityholwa ngesiganeko saseLusikisiki, sizakuvela enkundleni namhlanje.

By Nontando Ntsevu

UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ubhengeze ukuba kubanjwe abantu abathathu malunga nokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo eLusikisiki, eMpuma Koloni. ngoMgqibelo ophelileyo.

Lo mphathiswa ukuthethe oku ngeCawe kwinkonzo yesikhumbuzo yala maxhoba. UMchunu uthe kusazobanjwa abanye abantu kuba uphando ludize ukuba abanye babatyholwa basabhacile. Ukwathe ukubanjwa kowesine kuzakubhengezwa kungekudala, nanjengoko amapolisa sele elazi igama nefani yalomntu.

Aba bathathu kulindeleke ukuba bavele enkundleni ngoMvulo.

Esi siganeko senzeke kumakhaya amabini kwisitalato esinye. Ishumi elinesihlanu lamaxhoba (15) ibingabasetyhini.

INkwenkwe eneenyanga ezimbini ubudala yayikuphela kwayo eyasindayo kuloo ndyikityha yokufa. Amapolisa amfumana elila phezu kwesidumbu sikanina. Usana lugcinwe kwindawo ekhuselekileyo.

“Le nto yenzeka eLusikisiki ayizange yenzeke eMzantsi Afrika ngaphambili,” utshilo uMchunu kweso sikhumbuzo.

“Emva kokuvakala kwesi siganeko sithathe umntu omnye simgocagoca, kodwa wakhawuleza wakhululwa, ukongezelela kumapolisa aseLusikisiki, naseMpuma Koloni njengephondo, sisasaze amapolisa akhethekileyo kuzwelonke, amanye awo asebenza ngokufihlakeleyo, ukuphanda oku, okukhokelele ekubanjweni kwabantu abathathu.”

Umbhexeshi oyintloko weNdlu yoWiso-mthetho eMpuma Koloni uKholiswa Fihlani, ubethelele imfuneko yokululekwa ngokwengqondo kwizalamane zamaxhoba.

“Sizakusebenzisana nazo zonke iikomiti zasePalamente ukulandela olu lwaphulo-mthetho. Kodwa kufuneka siqinisekise ukuba amalungu osapho anikwa inkxaso ngenxa yokwenzakala ngenxa yobubi obu.”

Egxininisa imfuneko yenkxaso kumanina, uSekela Mphathiswa wamanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo, uMmapaseka Steve Letsike, ubongoze uluntu ukuba luxele ulwaphulo-mthetho kwabasemagunyeni.

“Asikhuselekanga emakhayeni ethu, ezicaweni nakwiindawo esihlala kuzo, obu bomi bubiwe, bubiwe – hayi kwiintsapho zabo kuphela, kodwa naseMzantsi Afrika, zininzi izakhono neetalente ezilahlekileyo ngenxa yesi senzo solwaphulo-mthetho,” utshilo uLetsike.

Umngcwabo wamaxhoba uzakubanjwa ukusuka ngomhla weshumi elinanye ukuya koweshumi elinesithathu kweyeDwarha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
26.4 ° C
26.4 °
26.4 °
23 %
5.5kmh
66 %
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
12 °
Wed
23 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks