By Siphiwo Boqwana.
IMamelodi Sundowns ayikenzi nje ngesiqhelo ekutyikityeni abadlali kweli tyeli, kodwa ibonakala sele iqalile ukudiliza abadlali nto leyo ebonisa mhlophe ukuba ayingxamanga nangona kuvuliwe ukutyikitywa kwabadlali. Izolo eli qela libhengeze ukuba liyabakhulula abadlali abahlanu (5).
IiBrazilians kwimpelaveki esiphuma kuyo zibhengeze ukuba zikhulule abadlali abahlanu, oku ikwenza emva kokukhulula abadlali ababini ekudala bedlalela eli qela.
ISundowns kuqala ibibhengeze abadlali ababini abathe bakhululwa, abo ibinguLebohang Maboe odlala esuswini nobe kwimbolekiso kwiqela elisanda kubhangiswa nelithe lathengwa yiSiwelele FC, yaseFreyistata. Omnye umdlali obebhengezwe nje ngokhululiweyo ibe nguRivaldo Cotzee.
ISundowns ngoku ibhengeze abadlali abahlanu ethe yabakhulula, omnye wabo ngumdlali osele esaziwa ukuba uzibandakanye neOrlando Pirates, uSipho Mbule.
Omnye umdlali okhululwe yiSundowns ngumdlali waphambili uThabang Sibanyoni nokhulele kweliqela, lo umdlali udlale amaxesha amanintsi kwimboleko kodwa khange akwazi ukwenza kangangoko ukuzifumanela indawo kweliqela.
Uye kwakhululwa nonozinti ongakhange afumane thuba kwaphela lokuzibonakalisa wade wabe uyahamba ngoku, uSanele Tshabalala. UTshabalala uzibandakanye neSundowns ngo2020, eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, ube ngomnye wabadlali beliqela ngethuba kuphunyelelwa iindebe kodwa yena engazange adlale nomdlalo omnye (1).
Omnye umdlali okhululwe ziinjinga zeligi ezihuselayo nguSifiso Ngobeni noLucas Suarez obeze ngemboleko nodlala ngasemva, uLucas Saurez waseArgentina naye uyakhululwa kuba wenze iimpazamo ezingaxolelekiyo ngokutsho kweliqela leeBrazilians.
UNgobeni ebekhe wabonwa yena yiSundowns njengomdlali onekamva eliqaqambileyo kweliqela ngasemva ekhohlo kodwa khange kube njalo, uSifiso ebeke wakwimboleko kwiqeka laKwaZulu Natala, iAmazulu.
