Home Iindaba Ithemba alibulali,ubuyile umtwana oyimveku nowabiwa eGqeberha

    Ithemba alibulali,ubuyile umtwana oyimveku nowabiwa eGqeberha

    UMphathiswa weSebe ezeMpilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth, uncome abasebenzi ababini beSibhedlele iDora Nginza, ngomsebenzi wabo okhokelele ekufunyanweni koSana olwalulahleke eGqeberha ngonyaka ophelileyo ka 2022.

    UNontlalontle uPortia Marinana kunye neGosa eliphezulu lolawulo uKaamiela Eagle, inkuthalo abayenzileyo ibe nempumelelo ekufumaneni oluSana luyiNkwenkwe elathi labiwa kuNina walo kuDederhu lweeVenkile eKinako.

    UMarinana nonguNontlalontle, waye wakrokrela nto ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga ephelileyo ka June kulo nyaka, ngexa kufika isibini esesikhulile sityelele iOffice yakhe sicela uncedo lokwenza isiqinisekiso sokuzalwa, nanjengoko uNontlalontle lo wayecinga ukuba ngumzukulwana wabo.

    UMarinana utyhola ngelithi esi sibini sithi umzukulwana wabo wazalelwa kwiSibhedlele saseDora Nginza ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga ka November ngonyaka ka2022. Ngokwemigaqo yomthetho, uMarinana uye wacela incwadi yaseKliniki yomntwana, nanje ngesiqinisekiso salapho umntwana wayezelelwe khona. Emva koko uye wakrokra xa ebona ukungangqinelani kweenkcukacha ezingapgakathi kwi ncwadana leyo yomntwana. Kuzo zombini iincwadi, iingcombolo zabazali bomntwana bezcaca ukuba zicinywe nge peni, kukho igama elitsha elikwabhalwe nge peni.

    Esi sibini siye sacelwa ukuba siphinde sibuye ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga ka June kwinyanga ephelileyo ukuze bathinyelwe kwiSebe lokubhalisa isiqinisekiso sokuzalwa.

    UMarinana kunye noKaamiela Eagles noliGosa elipgezulu lolawulo, baye benza uphando emva kokuhamba kwesi sibini, ze bakhangela ukuba uMama womntwana ukhona na kubuxhakaxhaka baseSibhedlele, kodwa akafumaneka.

    Kuye kwabhaqwa ukuba inombolo yencwadi yokukhulula umntwana eSibhedlele ngeyowaseTyhini ohlala eNew Brighton. UMarinana no Eagles baye bakhangela lo waseThyini emva kokuba bebone ezinkcukacha ze banodliwano ndlebe naye kwangale mini inye.

    Ngethamsanqa lo waseThyini uvumile ukuba wabeleka uSana lwakhe ngosuku lwamashumi amabini anesibini ngo November kunyaka ka 2022, ze wachaza ukuba uSana olo laye labiwa eKinako ngamashimi amabini anesithandathu kwakwi nyanga enye njalo.

    Umntwana uye wadityaniswa noMama wakhe wokwenyani. UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth ukuqhwabele izandla kakhuly oku, esithi abasebenzi babo mabaqhubekeke babe luncedo emphakathini. Uqwele ngelithi anga namanye amaqela angaqhubeka abonise inkathalo njengaba basebenzi babini.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks