Home Iindaba Ithiwe nka ngeminyaka engama-25 indoda edlwengule amanina amabini eDutywa

Ithiwe nka ngeminyaka engama-25 indoda edlwengule amanina amabini eDutywa

Umfanekiso:Bigstock

Amapolisa oMzantsi Afrika (SAPS) asamkele isigwebo soku gwetwa kuka-Ayanda Sotyato, oneminyaka engamashumi amathathu ananye (31) ubudala, olahlwe ngamatyala amabini okudlwengula eDutywa.

U-Sotyato ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) esejele yiNkundla yoMmandla yaseGcuwa (Butterworth) ngomhla wesibini (2) kweyoKwindla 2026, emva kokuba ubungqina bolibo-fuzo bumdibanise nolo hlaselo lulubini.

Ntlandlolo, uhlaselo lokuqala lwenzeka ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeDwarha ka 2022, apho inkosikazi eneminyaka engamashumi amane ananye (41) ubudala yadlwengulwa yindoda engaziwayo xa yayigoduka ivela kwindawo yokucima ukoma ngezithuba zentsasa. Uhlaselo lwesibini lwenzeka ngomhla wesixhenxe (7) kweyoMnga ka2022, apho inkosikazi eneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46) ubudala yahlaselwa kwintsimi evulekileyo ngelixa yayikhangela amayeza esintu.

Ubungqina bolibo-fuzo baqinisekisa ukuba u-Sotyato nguye ngqo owenza olu hlaselo.

Kusenjalo uSotyato wabanjwa ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoMsintsi ka-2024, kwaye wagwetya iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ethothoza entolongweni.

Amapolisa athe esi sigwebo sigxininisa indima ebalulekileyo edlalwa bubungqina be-DNA ekusombululeni ulwaphulo-mthetho olumandla.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks