12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

ITumente yoLutsha eMdantsane imanyanise uluntu kuMbhiyozo weMidlalo neLifa leMveli.

I-Ekoneni Lounge ibibambe itumente yezemidlalo ebidlamkile ngomhla we-16 kweyeSilimela ukubhiyozela nokukhumbula usuku lwembali ka-1976, nolwamiselwa ngokusesikweni njengosuku loLutsha eMzantsi Afrika.

Indawo yase-Ekoneni Lounge eMdantsane kwaN.U 1 ibibambe iTumente yoLutsha ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeSilimela 2024.

Ngentsasa yomhla weshumi elinesithandathu kuJuni ngo1976, phakathi kwe-10,000 kunye ne-20,000 yabafundi abantsundu bahamba ngeenyawo besuka ezikolweni zabo besiya e-Orlando Stadium ukuya kuqhankqalazela ukungafuni ukufunda izifundo zabo ngolwimi lwesibhulu ezikolweni.

Omnye wabaphathi benkampani iPhanda Mzantsi bedibene ne-Ekoneni Lounge, uMnumzana Luvuyo Rani, uthe injongo yokubamba letumente yezemidlalo kukukhumbuza ulutsha ngendima eyadlalwa lulutsha lwango nyaka ka1976 besilwela malunga nemeko yemfundo yaseMzantsi, kwaye babone olu suku njengosuku lokuvuselelela ulutsha lwale lengingqi yaseMdantsane kwanokuba khumbuza imbali yale lokishi eyaziwa njengendawo yodumo yomdlalo waManqindi.

“Iinjongo zaleTumente kukudibanisa nokukhuthaza nokonwabisa ulutsha lwaseMdantsane ngezemidlalo kwaye ibenze bakukhuthalelele ukuhlala bezilolonga ukwenzela bazikhwebule kwimikhwa engakhiyo.

SiyiPhanda Mzantsi sikwanikele ngenkxaso yeezixhobo zokudlala kumaqela ezemidlalo ebekhona nathathe inxanxheba kuletumente.”

Enye yeenjongo zaleTumente kukubhiyoza nokuvuselela umdlalo wamanqindi eMdantsane nje ngoko uMdantsane udume ngoongqa phambili neenjinga zomdlalo wamanqindi abaquka ooVuyani Bhungu, Welcome Ncita, Masibulele Makepula, Noni Tenge, Zolani Tete and Sivenathi Nontshinga.

Imidlalo ibikhona kuletumente iquka ibhola ekhatywayo yamanina namadoda, nebhola yomnyaza kunye nomdlalo wamanqindi.

Iziphumo zale midlalo: Kwibhola ekhatywayo yamanina kwindawo yokuqala kuphumelele iWSU, kwindawo yesibini kwaphumelela iSpurs. Umdlali othe waphuma phambili nguChloe Kardashian (Spurs), kanti obenamanqaku amaninzi nguLilitha (WSU).

Kwibhola ekhatywayo yamadoda, kwindawo yokuqala kuphumelele iRMD, kanti kwindawo yesibini kuphumelele Abahlaseli. Yena umdlali obephambili nguAthenkosi “Mpenyenye”, yena ofake amanqaku amaninzi nguSiyolise “R9” bobani aba badlali ngabeqela iRMD.

Kwibhola yomnyaza amaqela aphume phambili, kwindawo yokuqala yiSisterhood Netball Club, kwindawo yesibini yiWSU kwaye kwindawo yesithathu yiRelatives.

UNwabisa Mahlambeni osebenzela iPhanda Mzantsi uthe, letumente yenye yeendlela ezikhuthaza ulutsha ukuba baphucuke kwizakhono abanazo kwaye bayazi into yokuba umntu isakhono siyabonwa luluntu kwaye siyakhuthazwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks