Amagqwetha owayesakuba nguMphathiswa wezoKhuselo uNosiviwe Mapisa-Nqakula abonise ukungangqinelani kwinguqulelo enikwe ngummangali ophambili kweli tyala kunye nengqina elibalaseleyo loMbuso.
Ikontrakta yomkhosi wezokhuselo uNombasa Ntsondwa-Ndhlovu lingqina lesibini loMbuso, elingqina ngokuchasene noMapisa-Nqakula
Uthi umphathiswa wezokhuselo wangaphambili wacela i-R4.5 yezigidi phakathi konyaka ka-2016 no-2019, kwaye ekugqibeleni wamhlawula i-R2.1 yezigidi zeerandi ngokumfumbathisa.
UNtsondwa-Ndhlovu ngumlawuli kuphela we-Umkhombe Marine, inkampani efumene iithenda kwiSebe lezoKhuselo ukusukela ngo-2013.
Usekela Mphathiswa wezoKhuselo uBantu Holomisa ngummangali ophambili kweli tyala, njengoko uNtsondwa-Ndhlovu emxelele ngeentlawulo awazihlawulayo kuMapisa-Nqakula.
Enye yezinto ezingangqinelaniyo ezichazwe ligqwetha likaMapisa-Nqakula, uSiyabulela Mapoma, kukuba kwileta yakhe eya ePalamente, uHolomisa ukhankanye isinyobo se-R200,000, kodwa oko akuzange kuthethwe nguNtsondwa-Ndhlovu ngexesha lobungqina bakhe.
Uthe omnye wabo kuyabonakala ukuba uyaxoka phambi kwenkundla.
Igqwetha uMapoma ukwakhankanye ukuba uNtsondwa-Ndhlovu unike ubungqina malunga noMapisa-Nqakula otyholwa ngokucela isinyobo se-R2 yezigidi ukuze afumane ukunyuselwa esikhundleni somyeni wakhe, ugqirha omkhulu womkhosi uNoel Ndhlovu.
Kusenjalo ubuze ukuba kutheni engamxeleli uHolomisa ngale nto, kodwa wathi akacingi ukuba kufuneka azi.
Eyewitness News
