By Esona Magawana
IKomishoni kaMadlanga yaxelelwa ukuba ifayile yokugetyengwa kukaNamhla Mtwa iyinxalenye yeedokethi eziyi-121 zePolitical Killings Task Team (PKTT) ezisuswe eKZN zasiwa kwi-ofisi yamaPolisa kuzwelonke, nalapho kuthiwa zange ibanjwe kangangeenyanga ezintathu.
UMtwa, 35, wadutyulwa izihlandlo ezilithoba ngaphandle kwekhaya lakhe kuTshazimpuzi ka-2022 xa wayebuya emsebenzini. Umsindo woluntu ngokusweleka kwakhe ubangele uqhanqalazo kwilizwe liphela kunye neemfuno zeempendulo, ngakumbi phakathi kwezityholo zokuba wayebandakanyeke kubudlelwane obunobundlobongela.
UMaj-Gen,Mary Motsepe, intloko yolwaphulo-mthetho olunobundlavini nobundlobongela, wangqina ukuba i-ofisi yakhe yaqala yaliphanda eli tyala phambi kokuba lidluliselwe kwi-PKTT KweyeDwarha-2023. Uthe abaphandi bebelungiselela ukubamba abarhanelwa xa ubuqhophololo bomthetho buphazamisa eli phulo.
UMotsepe uxelele ikomishoni ukuba, “ifayile yelityala yafumana umyalelo wenkundla wokumisa uphando, kodwa wakhatywa kweyoMqungu kulo nyaka.Kwathi ngethuba abasemagunyeni beza kuqhuba, waphinda wafaka esinye isithintelo ze yarhoxiswa ngusekela mkhomishinala wamapolisa omisiweyo,uShadrack Sibiya.” UMotsepe uthe akasayazi imeko yetyala. Ukwadize ukuba abatyholwa abathathu abayanyaniswa nale tyala babulawa, nangona engakhange aveze ezinye iinkcukacha.
Iingxelo zamajelo eendaba ngaphambili zichonge owayesakuba ngumlingane kaMtwa, usomashishini waseMthatha uMajor Mfesana Bhekizulu, njengomntu ekutyholwa ukuba anganesandla ekubulaweni kuka Namhla. Wafaka amaphepha enkundleni esithi waxhwilwa ngethuba ebuzwa ngamapolisa ngokubulala, kodwa ityala lakhe lachithwa kamva.
Uphando olumisiweyo luyinxalenye yempikiswano ebanzi malunga nokuphathwa kwamatyala e-PKTT. Umkomishinala wamapolisa eKZN uLt-Gen Nhanhla Mkhwanazi,ngaphambilini utyhole amagosa aphezulu ngokususa amadokethi ephondweni kuphela ukuze “aqokelele uthuli” kwi-ofisi kaSibiya.
UMotsepe uqale wakhanyela ngethuba enikela ubungqina bokuba amadokethi ayi121 ePKTT ashiywe ePitoli engakhange achukunyiswe, kodwa kamva wavuma ukuba khange luqhube uphando malunga neenyanga ezintathu.
