16.2 C
King William's Town
Tuesday, October 8, 2024

Ivalelwe intombazana eyaqesha utsosi ukuba abulale umalume wayo.

UNompelo Maloyi waqesha ummelwane wakhe ukuba abulale umalume wakhe kuba efuna imali ye-inshorensi exabisa R165 000.

UGwetywe iminyaka engamashumi amabini anesithandathu entolongweni owasetyhini waseMpuma Koloni owaqesha ummelwane wakhe ukuba babulale umalume wale ntwazana kuba efuna imali ye-inshorensi.


UNompelo Maloyi, oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37), kunye nommelwane wakhe uYithulwazi “Lwazi” Kay, oneminyaka angamashumi amathathu anesihlanu (35), bagwetywe kwiNkundla ePhakamileyo yeCandelo loMzantsi Mpuma Koloni.

UKay naye wafumana iminyaka engamashumi amabini anesthandathu (26) entolongweni.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi aba babini bagwetywe ngokubulala uMynhardt Maloyi oneminyaka engamashumi amathandathu anesithandathu (66).

UMaloyi wabulawa kwilokishi yakhe yaseUmasizakhe eRhafu ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeNkanga ngo2022.

UNompelo, owayengumtshana kaMaloyi, waye waxhamla kwiipolisi ezininzi ze-inshorensi awayebhalise kuzo umalume wakhe.

Iyonke i-inshorensi ibixabisa i-R165,000.

“Ubungqina obuthiwe thaca enkundleni buveze ukuba nguye owaphembelela ukubulawa kwakhe ngokucela uncedo kummelwane wakhe, uKay, emthembisa umrhumo weR20 000 ngokubandakanyeka kwakhe,” sitshilo isithethi seNPA uLuxolo Tyali.

“Ngobusuku bokubulala, uNompelo washiya umntwana wakhe komnye ummelwane, bekunye noKay, exhobe ngemela, baya kwikhaya lakwaMynhardt.

“Esebenza njengomongi wakhe ophambili, uNompelo waqinisekisa ukuba uyangena endleini. Bathi bakungena ngaphakathi, bahlasela uMynhardt, bambopha izandla neenyawo ngemitya yezihlangu, bambetha entloko ngento ebuthuntu, baza bamhlaba izihlandlo ezininzi entanyeni.

“Wabhubha ngenxa yomonzakalo kukwenzakala kwakhe waze wafela kwindawo yexhwayelo.

I-NPA ithi umzimba wakhe wabhaqwa ngentsasa elandelayo emva kokuba uNompelo ezenze ngathi ukhathazekile waza wacela ummelwane ukuba ajonge umalume wakhe ezenza ngathi uhambisa igrosari.

“Emva kokubulawa, uNompelo wafaka amabango kwiipolisi ze-inshorensi ukuze azuze imali. Ukubandakanyeka kwakhe kulwaphulo-mthetho ngokukhawuleza kwabonakala xa uKay, enganelisekanga yintlawulo engaphelelanga yemali awayeyithembisile, waqalisa ukumgrogrisa.

“Ekwinyathelo elibi, uNompelo wacela uncedo kwabanye ukuba bamcime uKay okanye bamthathele umrhumo awayewuthenjisiwe.”

I-NPA yathi uRhulumente wamangalela isigwebo sobomi, kodwa inkundla yagqiba kwelokuba iimeko ezinzima nezinyanzelisayo zithethelela isigwebo esingaphantsi.

“Abatshutshisi bajonge ukubhena ngesigwebo abasibona singenabugocigoci.”

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni (DPP), uBarry Madolo uwancomile la maqela ngokutshutshisa ngempumelelo.

“Ukugwetywa kubonisa ukuma kwethu okunzulu malunga nokubulala okucwangcisiweyo okwenzelwe inzuzo ye-inshurensi yokuzingca, umkhwa ophazamisayo esiwubona kwilizwe lonke.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
82 %
6.7kmh
48 %
Tue
16 °
Wed
31 °
Thu
36 °
Fri
26 °
Sat
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks