By Esona Magawana.
U-Ayabulela Busakwe (31) uvele kwinkundla kamantyi kunye nogxa wakhe uSithembile Xungu (33) nowavela okokuqala ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeThupha 2025. Bajongene nezityholo zokubulala, ukuceba ukubulala, ukuba nemipu emibini ngokungekho mthethweni, nokuba nembumbulu ngokungekho mthethweni.
Ityala lihlehliselwe umhla weshumi (10) kweyoMsintsi 2025 ukuze afake isicelo sebheyile kaXungu, nowathi wasilahla ekuqaleni isicelo sakhe sebheyile. UBusakwe naye usilahlile isicelo sakhe sebheyile. Bobabini abatyholwa baseseluvalelweni.
UBusakwe uphinde wadityaniswa netyala elahlukileyo eKariega, apho wavela okokuqala phambi kweNkundla yeSithili saseKariega ngomhla weshumi elinesithoba (19) kweyeThupha 2025. Kulo mba, ujongene nezityholo zethutyana zokuphanga kunye nokuxhwila eziphathelele ukuxhwilwa kwenkosikazi eneminyaka engamashumi asixhenxe anesithathu (73) ubudala, ngomhla weshumi elinanye (11) kweyeThupha 2025.
Ubekwe ityala kunye nogxa wakhe uAndile Mathumbu (29) nowavela ngomhla wamashumi amabini (20) kweyeThupha ngo2025 kwangamatyala afanayo.
Ngokobungqina obuthiwe thaca enkundleni, ixhoba laxhwilwa ngaphandle kwekhaya lalo eKariega ngabarhanelwa bexhobile beqhuba iVolkswagen Polo. Wanyanzelwa ukuba angene emotweni, kwaye emva koko kwenziwa intlawulo ye-R1.1 yezigidi. Ixhoba lakhululwa ngomhla weshumi elinesithandu (16) kweyeThupha 2025 ngokukhuselekileyo kufutshane neSikhululo samaPolisa saseKariega kwaye sele limanyaniswe nosapho lwalo.
Bobabini uBusakwe noMathumbu bazilahlile izicelo zabo zebheyile kulo mba. Ityala lihlehliselwe umhla wamashumi anambini (22) kweyeDwarha 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.
I-NPA incoma iinzame zentsebenziswano zee-arhente zogcino-mthetho, ezikhokelele ekufumaneni ngokukhuselekileyo ixhoba kunye nokubanjwa ngokukhawuleza kwabarhanelwa.
