ISebe leMithombo yezembiwa namafutha libhengeze utshintsho lwamafutha kulenyanga, apho amaxabiso epetroli nedizili esiya kwicala elahlukileyo.
Amaxabiso amatsha epetroli aqala ukusebenza ukususela ngoLwesithathu umhla wesithathu (3) kweyeSilimela. Zombini iindidi zepetroli ziya kunyuka nge-R1.43 ngelitha ngelixa idizili iya kwehla phakathi kwe-R3.25 cents kunye ne-R2.62 ngelitha, kuxhomekeke kwinqanaba.
Isebe likwaqinisekisile ukuba iparafini ekhanyisayo iza kwehla ngaphezulu kwe-R5 ilitha.
Ixabiso eliphezulu lokuthengisa legesi ye-LP liza kuncitshiswa nge-17 cents ngekhilogram kwilizwe lonke kunye ne-20 cents ngekhilogram kwindawo yaseSaldana eNtshona Koloni.
