Home Iindaba Iyakuvulwa nini iposi kwakhona eMakhanda?

    Iyakuvulwa nini iposi kwakhona eMakhanda?

    Sekuphele iinyanga ezintathu iMakhanda neziphaluka ingenaposi, kwaye akukacaci ukuba izakuphinda ivulwe nini na.

    Iposi i-Siphiwo Mazwayi ivalwe kunyaka ophelileyo kwaye ngoku inobhaliso lokuthengiswa. NgoSeptemba, kuye kwabikwa ukuba iposi e-Hill Street ivaliwe nge-25 kaJulayi ngenxa yokungahlawulwa kwerenti.

    I-Ofisi yePosi yaseMzantsi Afrika ikuhlangulo lweshishini kunye no-Anoosh Rooplal kunye noJuanito Damons abajongene nale nkqubo.

    Kule veki uRoopul uxelele abeendaba ukuba akukho nto ibonisa ngokucacileyo ngekamva leposi yaseMakhanda kwaye amagcisa asaxakekile echaza ukuba ngawaphi amasebe azakuvulwa kwaye avalwe umphelo.

    URoplal uthe banolwazi ngamasebe amaninzi angasebenziyo ngenxa yerenti okanye umbane ongahlawulwanga. Kusenjalo Bekukhe kwakho ukuqhekezwa eposini yaseHill Street.

    Abanye abahlali badize ukuba abasebenzi baseposini bathi iipasile zabo zilahleke xa kuqhekezwa.

    Eyona posi ikufutshane esebenzayo ikumgama oziikhilomitha ezingama-60 ePort Alfred.

    UAmos Manyati welali yaseGlenmore ekumgama oziikhilomitha ezingamashumi amane anesihlanu ukusuka eMakhanda, uthi uchithe iR250 eyokulanda isibonelelo sikarhulumente ePort Alfred. Inkosikazi yakhe nabazukulwana ababini bonke baxhomekeke kwisibonelelo sakhe.

    “Khawufane ucinge ukuba ngendenze ntoni ngaloo mali ukuba iposi yaseMakhanda ibisebenza?” utshilo.

    UNolubabalo Petros, waseJoza elokishini eMakhanda, uthi uya eQonce ayokwenza imali ngeakhawunti yakhe yePosi.

    Ukuya nokubuya kubiza iR200. Uthe iQonce ikhethwa kakhulu ngenxa yemigca emide kakhulu yasePort Alfred.

    URoplal uthe isicwangciso sokuhlangula ishishini besiza kupapashwa nge-30 kaNovemba kwaye siza kujongana “neengqwalasela ezininzi, kubandakanywa amanyathelo amalinge eendleko, umkhombandlela wobuchule, imithombo yengeniso eyongezelelweyo kunye neemfuneko zenkunzi yekhosi”.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks