Home Iindaba IYaphuma ingoma entsha kaCici noNaledi Aphiwe ethi AMEN.

    IYaphuma ingoma entsha kaCici noNaledi Aphiwe ethi AMEN.

    IMilonji emibini, umthandazo omnye, namhlanje abantu mabalindele uchungechunge lengoma evuselela umphefumlo ibophe namanxeba.

    Umfanekiso: ICwecwe elitsha likaCici noNaledi Aphiwe.

    By Inga Mkalalali.

    IMilonji emibini, umthandazo omnye, namhlanje abantu mabalindele uchungechunge lengoma evuselela umphefumlo ibophe namanxeba.

    Ezi mvumi zimbini ziphuma izandla nezigqwesileyo zisebenzisene ukuphathela abathandi bomculo ingoma evuselela ithemba, ukholo kunye nempiliso ngokwasemoyeni.

    UAMEN akuyongoma nje koko ngumthandazo okhatshwa lubumbano, uthando kunye nemvisiswano. Le ntsebenziswano phakathi kwaba makhwekhwetha bemvumi isibonisa amandla omculo okubuyisela, onyule kwaye abeyinkuthazo ebantwini. UCici kulengoma usebenze noNaledi Aphiwe oyimvumi esaze ngobuso nozakhele udumo ngomculo wakhe othandwayo okhokhele ekubeni awongwe ngembasa eziliqela

    UCici uthi ise sisiqalo kwaye le ngoma yondlalela icwecwe lakhe lesine elibizwa ngoBusisiwe 2.0, uqhube wathi le ngoma iqhubekeka nokubalisa ibali lakhe eligxile ekuphileni, ukukhula kunye nokubhiyozela ukufika kwikhabathiso lokukhula njengomntu obhinqileyo kwaye uthi abathandi nabaxhasa bomculo wakhe mabazole ngomonde ikhona into ezayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks