Home Ezemidlalo Izakuba nguqhude manikiniki zindala zombini eTswane kumdlalo wezinga eliphezulu

    Izakuba nguqhude manikiniki zindala zombini eTswane kumdlalo wezinga eliphezulu

    Yeyona mpelaveki izakubanzima lena kwiqela labafana bastyle iMamelodi Sundowns ngethuba izakube iqubisene neEsperance yaseTunisia kumlenze wesibini(2) kwisigaba sesibini(2) samandulela wamagqibela kankqoyi kwiCaf Champions league.

    ISundowns iza kulomdlalo ihamba emva, emva kokubethwa ngenqaku elinye enqandeni(1-0) ekuhambeni kwimpela veki egqithileyo ngomgqibelo umhla wamashumi amabini(20) kule imiyo inyanga eTunisia. Kungoku njena umqeqeshi weminwana phezulu uRhulani Mokona kufuneka eqinisekile ukuba iqela lakhe liliqule laligangatha kunjalo nje kufuneka behlasele ngamandla kodwa baqiniseke ukuba bayavala ngasemva khonukuze bangaboni amanzi engena endlini.

    Lo mdlalo uphakhakathi kweMamelodi Sundowns neEsperance yaseTunisia ungomso ngolwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithandathu(26) kule imiyo kumabala aseLucas Masterpieses Moripe eTswane, umdlalo uyaqala ngentsimbi yesibhozo(20h00) ebusuku. Ukhumbule ukuba iSundowns engabahlinzeki kulomdlalo yabaziinjinga kulendebe yeCaf Champions league ngonyaka ka2016.

    Emva komdlalo weDSTV Premiership weliqela leSundowns neSekhukhune United ngolwesibini umhla wamashumi amabini anesithathu(23) kule imiyo inyanga, umqeqeshi weBabina Noko uLehohonolo Seema nowayesakudlalela iOrlando Pirates njengomdlali wangasemva nosele engumqeqeshi obalaseleyo noko ngoku utsho amazwi amnandi wenkuthazo kwiqela leSundowns eyinqwenelela impumelelo kumdlalo wangomso esitsho ukuba bamele bona bengamaqela ePSL noMzantsi Afrika.

    Ukhumbule ukuba iMamelodi Sundowns iye isondela ngokusondela ekuqinisekiseni ukuba iyaphinda kwakhona iyakhonya kwindebe yeDSTV Premiership emva kokubetha iSekhukhune United ngamanqaku amabini kwelinye(2-1) ngolwesibini umhla wamashumi amabini anesithathu(23) kule imiyo inyanga. Sithetha njena iSundowns ibethwa ngumoya kwindawo yokuqala kuluhlu lamaqela ePSL. iMamelodi Sundowns ilishiya ngamanqaku alishumi elinesithathu iqela elikwindawo yesibini(2) iStellenbosch yaseKapa. IMamelodi Sundowns inamanqaku angamashumi amahlanu anesithandathu(56) ize iStellies sibenamanqaku angamashumi amane anesithathu(43) kuluhlu lamaqela ePSL.

    By Siphiwo Boqwana

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks