Indoda enamashumi amathathu anesibini (32) kulindeleke ukuba ivele enkundleni yaseMdantsane eMonti ngoLwesithathu ngezityholo zokubulala abantwana abathathu abakwishumi elivisayo ngobusuku bangeCawe.
Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi ulutsha oluneminyaka ephakathi kweshumi elinesixhenxe neshumi elinethoba ludutyulwe lwabhubha kwindlu engaphandle eUnit 1 ngethuba lufundela iimviwo.
Uthi ababini kwababhubhileyo ibingoobhuti, omnye ebefunda ibanga leshumi.
UNaidu uthi umnini wendlu weva izithonga zompu ngasemva kwendlu yakhe apho abantwana abafikisayo befunda khona.
“Ixhoba elonzakeleyo labalekela endlwini yalo lifuna uncedo. Ixhoba elinye labhubhela kwindawo yexhwayelo, ngelixa ababini labhubhela esibhedlele. Ixhoba lesine lisesibhedlele,” utshilo.
UNaidu uthi aba babhubhileyo bebengabafundi bezikolo iBuchule naseMzomhle Senior Secondary School eMdantsane kwaye isizathu sokubulala sisaphandwa.
Umkomishinala wephondo uNjengele Nomthelelele Mene, uvakalise amazwi ovelwano kwiintsapho zolutsha olubhubhileyo.
