UMphathiswa weSebe loPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoLimo eMpuma Koloni (DRDAR) uthethe noonondaba ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha, ngezicwangciso zesebe zokunqanda ifuthe lomlilo wamadlelo kweli phondo.
UMphathiswa uNonceba Kontsiwe uthe ngamawaka-waka eehektare zomhlaba otshatyalalisiwe, kuquka nokulahleka kwezilwanyana neziseko zezolimo kwiphondo liphela.
Ngokwengxelo ekhutshwe ngabeendaba zeAlgoa uKontsiwe uthe, Le mililo ichaphazela ikakhulu amafama adityanelweyo, axhomekeke kwimfuyo ukuze afumane ukutya kunye nokuzinza kwezoqoqosho. Esithi le meko ithintela iinzame zesebe zokulwa nentlupheko kweli phondo.
Unike amanani amva nje ngomonakalo owenziwe kwizithili ezininzi noomasipala
UMhlontlo: Kutshatyalalisiwe ngaphezu kweehektare ezingamakhulu amahlanu anamashumi alithoba anesithathu (593) zamadlelo, kwalahleka iigusha ezilikhulu namashumi asixhenxe ananye (171) kunye neebhokhwe ezingamashumi amabini anethoba (29).
IKing Sabata Dalindyebo: Kutshiswe umhlaba oyihektare ezingamakhulu alithoba (900), nto leyo ebangele ukubhubha kwemfuyo ezilishumi elinesithathu (13).
Amahlathi: Zingaphezu kwamakhulu amahlanu namashumi amahlanu (550) iihektare ezitshatyalalisiwe; kwafa inkomo enye (1), ithole elinye (1) kunye neebhokhwe ezimbini (2)
Emalahleni: Kutshiswe iihektare ezingamakhulu amathathu (300), kunye nomonakalo omkhulu weziseko, kuquka iibhali ezingamakhulu amabini namashumi amathathu anesihlanu (235) zelusini.
Intsika Yethu: zingamashumi amahlanu anesibhozo (58) iigusha ezilahlekileyo emlilweni.
E-Elundini: kutshiswe iihektare ezingamawaka amane namakhulu asibhozo anamashumi amathathu anesithathu (4 833) zamadlelo, kwalahleka iinkomo ezisibhozo (8) kunye neehektare ezingamashumi amabini anesithandathu (26) zombona.
Ukanti uMphathiswa uKontsiwe uthe nangona kunjalo isebe liza kubambelela kwizinto eziphambili ekuqinisekiseni ukuba kukho ukutya, ukunciphisa indlala nokukhuthaza ukukhula koqoqosho eMpuma Koloni.
“Ngenyanga yoMsintsi, siza kujikeleza iphondo sithethathethane nemibutho yabalimi, siqonde imingeni yabo, sixoxe ngamaqhinga ethu. Siza kusebenzisana neSebe lezeMfundo, uPhuhliso lweNtlalo, nelezeMpilo, kunye namanye amaqumrhu afanelekileyo ukujongana nokungakhuseleki kokutya.”
Kungoku nje, amakhaya angaphezu kwamakhulu amane amawaka (400 000) kweli phondo ajongene nokungakhuseleki kokutya ngenxa yamaxabiso okutya aphezulu, intswela-ngqesho, nomhlaba ongasetyenziswa kakuhle. “Yiyo loo nto iOfisi yeNkulumbuso uOscar Mabuyane ikhokele isicwangciso esilungelelanisiweyo seProvincial Food and Nutrition Security Plan namasebe ohlukeneyo.” Uthe eli phulo liza kusungulwa ngoSuku lokuTya lweHlabathi ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeDwarha.
Ukunciphisa ngakumbi ifuthe lemililo yamadlelo nokuqinisekisa uzinzo lokutya, iDRDAR izibophelele ekuxhaseni abantu ekulimeni umhlaba ukuze bavelise ukutya kwabo. “Ngeli xesha, sijonge ukuseka iindawo zokutya kwiindawo zethu ezisemaphandleni, ukuze sincede abavelisi bemifuno baqokelele, bagcine, baze balungise imveliso yabo ukuze bathengisele imarike yasekuhlaleni.” Inyathelo lendawo yokutya liza kugxila kulimo oluzinzileyo, ulondolozo lwamanzi, kunye noshishino lolutsha kwiindawo ezisemaphandleni.
Njengoko iphondo lijongene nemimoya ebhudlayo, uMphathiswa ucebise ukuba abantu bathathe inyathelo lokhuseleko xa betshisa amadlelo