Kukho iingxelo zokuba abasetyhini abakhulelweyo kwisibhedlele saseFrere eMonti, eMpuma Koloni bajongene neemeko ezothusayo ngenxa yokuxinana kunye nokunqongophala kwezixhobo zokusebenza.
Iingxelo zithi aba basetyhini bakhulelweyo kuye kunyanzeleke ukuba balale ezitulweni njengoko kungekho ziibhedi zaneleyo.
Ingqina elingafunaka kuchazwa igama lalo lithe oko ebelinde ukubelekiswa ngotyando ngoMgqibelo, kodwa akakafumani ncedo de kube namhlanje. Ingxaki ayipheleli apho. Izigulana zikwanengxaki yokunqongophala kokutya, nto leyo ekhokelela ekuseleni iipilisi kanye namayeza ngezisu ezingenanto.
Isithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni Mnumzana Sizwe Kuphelo uvumile ukuba ikhona ingxaki ekhoyo yokuphuphumala kwewadi yokubelekisa, kodwa izigulane ziphethwe ngembeko nangesidima. Zihoyekile.
“Kukhona ukuphuphumala kwabantu basetyhini abakhulelweyo kwiwadi yabantu abakhulelweyo abasemngciphekweni omkhulu eCecilia Makhiwane kodwa akukhange kubekhomntu ulala ezitulweni, ngapha koko kuye kuthi xa iwadi igcwele abantu bathunyelwe kwiwadi ehoya impahla yabantu basetyhini kwaye bancedwe kwiwadi yokubeleka xa kufike ixesha.
Yona indaba yokutya yona ayonyani, ukutya kukhona kwaye abantu bayaphekelwa kakuhle.”
Kukwavakala ukuba ezinye izigulana ziyasuswa kwiibhedi ezileli kuzo ukuze kuvuleke indawo zabo imeko zabo zingxamisekileyo.
La marhe alandela emveni kweentetho zokwehla kwezinga lwesibhedlele saseMakiwane eMdanstane nto leyo ebangele ukwanda koxinzelelo kwisibhedlele saseFrere, apho kuye kusetyenziswe igumbi elinye lokutyanda.
Anita Qubula.
