Abazali abasuka kumakhaya angathathi ntweni eGqeberha bacela urhulumente ukuba anikezele ngeencwadi ezaneleyo kuzo zonke izikolo zikarhulumente. Oku kuza nanjengoko izikolo zikhupha uluhlu lwencwadi zokubhala eziza kuthengwa ngabazali, ngaphandle kukarhulumente ukuzinikezela.
Ibhunga lolawulo lesikolo lenye yezikolo zikarhulumente eGqeberha libanga ukuba iincwadi zokubhala ezibonelelwe ngurhulumente azonelanga.
Abazali Kusafuneka boongeza iincwadi zokubhala, ezibandakanya izixhobo zokucoca. Iintsapho ezihlawulelweyo zichaphazeleka kakhulu yile nyewe, njengoko zijamelene nomceli mngeni wokuthenga iyunifomu yesikolo kunye nezinto zokubhala.
Ilungu le-SGB uNompumelelo Khasibe uthi nezixhobo zokucoca zesikolo azonelanga kwaye abazali kufuneka bancede.
“Sicela iincwadi zokubhala; Kuya kufuneka ukuba abazali basincede boyise iingxaki kunye nobunzima esisinyamezelayo esikolweni. Amagumbi okufundela kufuneka acoceke, yiyo le nto kufuneka sicele isepha kunye nephepha lendlu yangasese. Kulula kuthi ukuba sisebenzisana kunye nabazali ukuba sithenge ezo zinto sizifunayo apha esikolweni. ”
Omnye umzali uthi, “Uluhlu lwezinto zokubhala lusichaphazela kakhulu njengabazali ngenxa yokuba abanye bethu bengaphangeliyo, kwaye thina asinamali kwaphela. Nangoku, andikhange ndithenge nantoni na. Ndixelele utitshala ndiza kuyithenga kamva, xa ndifumana imali yesibonelelo sam ”
Omnye umzali uthi, “Kunzima kakhulu kuba isibonelelo endisifumanayo kurhulumente asonelanga kwizinto zokubhala, ngoko ke kuya kuba nzima kuba kufuneka bathenge ezinye izinto ngaphandle kwezinto zokubhala.”
Isithethi sesebe lezemfundo ephondweni uMalibongwr Mtima uthi ukunqongophala kwezinto ezikolweni ngamanye amaxesha ngenxa yokwamkelwa abantwana abangaphezulu kwenani.
“Ukunqongophala kwezixhobo zokubhala kungenxa yeemfuno zesikolo ngasinye. Eli Sebe libonelela ngeencwadi zokubhala ezingundoqo kwisikolo ngasinye. Ukuqinisekisa ukuba kukho izinto zokubhala ezaneleyo kunyaka ngamnye, isebe lihlala lifumana isicelo esivela esikolweni, emva koko, isikolo sifumana izinto ze-staretionry esekwe kwimfuno okanye uhlahlo-lwabiwo mali olufikelelekayo. Okwesibini, ukubhaliswa okwandisiweyo kubangelwa kukunqongophala kuba ezinye izikolo zibhalise abafundi ngoJanuwari, ezikhokelela kwiinombolo ebezingaphezulu kwenani elalixelwe kwangaphambili kwaye libhajethelwe.
Sele kuphele iveki zikolo zivulelwe unyaka wezifundo ka-2024, kwaye abazali banethemba lokuba urhulumente uza kuza nesisombululo ngalo mbandela.