Amapolisa eMpuma Koloni anike ingxelo yokubhubha kwabantu abathathu (3) kwimpelaveki edlulileyo ngenxa yokufakelwa kombane ngokungekho mthethweni. Oku kubhubha kuchazwe njengeziganeko ezahlukeneyo.
Isithethi samapolisa ephondweni, uKapteni Andre Beetge, ubongoze uluntu ukuba lohlukane nokudibanisa umbane ngokungekho mthethweni nanjengoko oko kungakhokelela ekufeni.
Kutyholwa ukuba ngoMgqibelo, umhla wemashumi amabini (20) kuTshazimpuzi ka-2024 malunga nentsimbi yesibini (02:00 am) ekuseni, umhlali wendlu enkulu ekwisitalato iCouta, eKuyga eGreenbushes, weva izinja zikhonkotha waphuma waya kuphanda waze wafumana umqeshi wegumbi elele efile, uphahla neengcingo ezandleni zakhe.
Kurhaneleka ukuba le ndoda eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala ibizama ukudibanisa umbane kwigumbi layo ngethuba ibanjwa ngumbane.
UBeetge uphefumle ngelithi, kwavulwa idokethi yophando kwaye lisaphandwa yiSAPS Kabega Park.
Emva kweeyure kwangalo mini, malunga nentsimbi yethoba (21:00 pm ) ebusuku, owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala kwilali yaseRabie, eWells Estate, kutyholwa ukuba labamba umdibaniso ongekho mthethweni ngethuba ligobile labhubha emva kokuba libanjwe ngumbane.
UBeetge uthe kuvulwe idokethi lophando kwaye liphandwa ngamapolisa aseSwartkops.
“NgeCawa, umhla wamashumi amabini ananye (21) kuTshazimpuzi ka-2024, malunga nemizuzu engamashumi amathathu emva kwentsimbi yesine (16:30) ekuseni abahlobo babehamba kwindawo evulekileyo kwisitalato i-Auburn e-Booysens Park xa intwazana eneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala kutyholwa ukuba yanyathela intambo ngokungekho mthethweni yaza yabulawa ngumbane.
Omnye wabahlobo abangamadoda wazama ukumnceda, kodwa emva kokuba naye wothukile, wemka.
Kwavulwa idokethi lophando kwaye lisaphandwa nguSAPS Chatty,” utshilo uBeetge.
Anita Qubula
