12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

Kubanjelwe kumgama ongama-120km ngenxa yokoyika uqhanqalazo Ukuvela enkundleni kwenkokeli yaseCathcart ebanjiwe

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi akukho sigqibo sithathiweyo sokuvala isibhedlele saseCathcart okanye ukuthotywa kwamanqanaba aso. Isithethi sikamasipala uMkhululi Ndamase uthe isebe lisandula ukuqalisa iingxoxo zangaphakathi malunga neyona ndlela ingcono “yokulungelelanisa” inkonzo.

Oku kuza emva kwamahum-hum okuba iphondo liceba ukuthoba amanqanaba eli ziko libangele uqhankqalazo olumalunga neveki kwinyanga yoMdumba apho kwatshiswa iilori kwaza kwaxulutywa nezithuthi kuhola wendlela uN6. Abaqhankqalazi bakwanyanzelise ukuba kubuyiswe iofisi yesebe lezeKhaya kwakunye nekaSASSA edolophini.

Abahlali baseCathcart basabambene ngezandla, kulandela ukubanjwa kwenkokeli yoqhanqalazo uMziwebongo Burwana kwindibano yabahlali kwiveki ephelileyo. Bakwanomsindo wokuba ukuvela kwakhe enkundleni akuzukufika kwiNkundla kaMantyi yaseCathcart.

UBurwana uye wavela okokuqala kwiNkundla yeNgingqi yaseMdantsane ngoLwesibini apho atyholwa khona. Ukuviwa kwebheyile yakhe kuya kuba ngomhla wama-25 kuMatshi. Ezinye iinkokeli zabahlali zihambe umgama oziikhilomitha ezili-120 ukusuka eCathcart ukubonisa inkxaso.

UBurwana ujongene nezityholo zobundlobongela basesidlangalaleni, ukuphanga, ukuzama ukubulala, ukuba nembumbulu, nokuba nompu ongekho mthethweni, ngokokutsho kwamapolisa.

Oku kuza emva kokuba ipolisa lihlaselwe ngethuba lileqa abaqhankqalazi abebexuluba iimoto kuhola wendlela uN6.

Isithethi samapolisa uSiphokazi Mawisa uthi eli polisa lisaphantsi konyango. Umpu wakhe wawufunyenwe eCathcart.

UBurwana wabanjwa emva koko.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali uthe ityala likaBurwana lidluliselwe eMdantsane ngenxa yokuxhalabela ukhuseleko nanjengoko iCathcart iye yavalwa ngamaxesha amaninzi luqhanqalazo.

Inkokeli yasekuhlaleni uBuyisile Booi uthe uBurwana uqale wasuswa kwiNkundla kaMantyi yaseCathcart wasiwa eCumakala, ekumgama oziikhilomitha ezingama-50. Kodwa bathi bakufika abalandeli, baxelelwa ukuba ityala ngoku lidluliselwe eMdantsane.

UBooi uthe abantu abaninzi abakholelwa ukuba uBurwana unetyala.

“Uqhankqalazo luqalwe ngabahlali ingengomntu omnye,” utshilo uBooi.

Ungqinile ukuba kukho ipolisa elibethwe ngabaqhankqalazi laze lahlangulwa ngamanye amapolisa.

UBooi uthi olu qhankqalazo lujike lwanobundlobongela emva kokuba umphathiswa wezempilo uNomakhosazana Meth etyelele isibhedlele saseCathcart kodwa wala ukuthetha nabahlali malunga namahum-hum okuba siza kuvalwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks