Home Iindaba Kubanjwe abane malunga nokubulawa kuka-DJ Sumbody.

Kubanjwe abane malunga nokubulawa kuka-DJ Sumbody.

Amadoda amane, kuquka nenye ekukholelwa ukuba yabetha uDJ Sumbody, owadutyulwa kweyeNkanga ka-2022, babanjiwe.

Umfanekiso: UDJ odumileyo waseMzantsi Afrika u-Oupa Sefoka owaziwa njengo-DJ Sumbody.

By Esona Magawana.

Amadoda amane, kuquka nenye ekukholelwa ukuba yabetha uDJ Sumbody, owadutyulwa kweyeNkanga ka-2022, babanjiwe.

ISithethi samapolisa kuzwelonke uBrig Athlenda Mathe uthi abarhanelwa babanjwe eRhawutini, ngoMvulo umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala 2025.

Eli qela lamapolisa libambe amadoda amane aphakathi kweminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) namashumi amathandathu (60) ubudala malunga nokubulawa kukaDJ odumileyo eMzantsi Afrika, uOupa John Sefoka, nowayedume ngelika-DJ Sumbody.

“Abacuphi bolwaphulo-mthetho baseRhawutini baye basebenza kweli tyala baza kamva babophelela igqiza leSAPS elijongene nokubulawa kwabantu ukuze lincedise,” utshilo uMathe.

Bonke aba barhanelwa babanjwe eRhawutini ngenjikalanga yangoMvulo.

“Isixhobo ekutyholwa ukuba sisetyenziswe xa kusenziwa olu lwaphulo-mthetho siye sathathwa kwaye sayanyaniswa namanye amatyala okubulala, omane la madoda aselugcinweni lwamapolisa kwaye kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala. Bajongene nezityholo zokubulala kunye neyelenqe lokubulala.”

Umkomishinala wamapolisa kuzwelonke uGeneral Fannie Masemola ukwamkele ukubanjwa kwabo kwaye wancoma igqiza eliphandayo eliquka icandelo lolwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo eRhawutini kunye negqiza elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko.

“Oku kuyimpumelelo ephawulekayo eya kubonelela ngethemba lokuvalwa kweentsapho ezibandakanyekayo. Oku kukuphela komsebenzi onzima kunye nokuzinikela kubulungisa.“

Eli lelinye lamatyala antsokothileyo ebekufuneka amaqela ethu athathe ixesha lawo ekuqinisekiseni ukuba kuphandwa ngokucokisekileyo ukuze ekugqibeleni sizise ityala elibambekayo enkundleni,” utshilo uMasemola.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks