Home Iindaba Kubanjwe abantu abangenazimpepha abangamashumi amahlanu anesine (54), eGqeberha.

    Kubanjwe abantu abangenazimpepha abangamashumi amahlanu anesine (54), eGqeberha.

    IPhulo elidibeneyo lokuThintela uLwaphulo-mthetho elibizwa nge “Operation Bamba” lifumene abantu abangamshumi amahlanu anesine (54) abangenazimpepha kwindawo yase-Korsten.

    By Asipile Kitchen.

    IPhulo elidibeneyo lokuThintela uLwaphulo-mthetho elibizwa nge “Operation Bamba” lifumene abantu abangamshumi amahlanu anesine (54) abangenazimpepha kwindawo yaseKorsten.

    Eli phulo belibanjwe ngomhla wesibhozo (08) kuTshazimpuzi 2025 kwaye iNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (Public Order Police, Tactical Response Team, Visible Policing, Anti Gang Unit ne-Flying Squad) beludibene neSebe lezoNgenelelo namaPolisa e-Metro yaseNelson Mandela Bay.

    Eyona njongo iphambili ibikulungisa ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela ezifana nokubulala, ukuqweqwedisa nokuphangwa kwevenkile kuxhotyiwe e-Nelson Mandela Bay, nokufumana imipu engekho semthethweni, iimpahla ebiweyo, iziyobisi, iimpahla zomgunyathi nabantu abangenazimpepha.

    Ngaphandle kwabangamashumi amahlanu anesine ababanjiweyo, umntu omnye ubanjelwe ukuba neziyobisi ezingekho semthethweni kunye nokuba neembumbulu ngokungekho mthethweni. I-SAPS ithathe iimfonomfono ezilishumi elinethoba, iipere eziyi-188 zezihlangu zomgunyathi, izinto eziyi-166 zempahla zomgunyathi nengxowa ezintlanu zentsango.

    Iphulo lika “Bamba” liyinxalenye yesicwangciso songenelelo olujolise ekuzinziseni ukunyuka kolwaphulo-mthetho kwiindawo ezisemantla kwi-Nelson Mandela Bay. I-SAPS iyaqhubeka nokuphumeza imisebenzi yongenelelo lwesizwe ukuthintela nokulwa nantoni na enokugrogrisa ukhuseleko loluntu.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks