Home Iindaba Kubanjwe abarhanelwa ababini abafunyenwe nemipu engekho mthethweni eMthatha

Kubanjwe abarhanelwa ababini abafunyenwe nemipu engekho mthethweni eMthatha

Iphulo lobuntlola eliqhutywa lulwaphulo-mthetho likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababini (2) abaneminyaka engamashumi amathathu anesibini (-32) namashumi amane anesithathu (-43) ubudala ngokufunyanwa kwemipu emibini (2) engenampepha-mvume kwindawo yaseNgcingane ngaphandle kwaseMthatha ngentsasa yangeCawe, umhla weshumi elinesine (-14) kuTshazimpuzi ka-2024.

IQela eliSebenzayo leSithili belilandela ulwazi ekwabelwane ngalo emva kokulunywa indlebe laza laya kwindlu yokuqala apho umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (-32) ubudala wathi wafikelwa ngobuchule kwaze kwathi xa kugqogqwa kwafunyanwa umpu wohlobo lwe-9mm oneembumbulu. Umrhanelwa uyewabanjwa wabekwa ityala lokufunyanwa nompu ongekho mthethweni kunye neembumbulu.

Kusenjalo abogcino-mthetho baye baqhubela kwikhaya lesibini apho umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesithathu (-43) ubudala aye wabanjwa ngokuba nengadla-ngadla i-BXP engenampepha-mvume oneembumbulu ezingaphezulu kwamashumi amathathu (30). Bobabini abarhanelwa bengingqi yaseNgcingane babanjiwe kwaye bazavele kwinkundla kamantyi eMthatha kungekudala.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo uNjengele Phumzile Cetyana ukuqhwabele izandla ukusebenza nzima, nokuzinikela kwabakwasidlodlo ekuqinisekiseni ukuba imipu engekho mthethweni iyasuswa kwizandla zabaphuli mthetho.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks