Home Iindaba Kubanjwe abarhanelwa ababini Kwityala lokuba neziyobisi eQonce

Kubanjwe abarhanelwa ababini Kwityala lokuba neziyobisi eQonce

Abarhanelwa ababini babanjiwe emva kokuba amapolisa ebambe iziyobisi ezixabisa i-R759,300 ngexesha lomsebenzi wobukrelekrele eQonce, eMpuma Koloni.

Eli phulo lukhokelele ekufumanekeni kweepilisi zeMadrax ezingaphezu kwe-13,000, i-crystal meth (tik), iVolkswagen Polo erhanelwayo ebiweyo, kunye nemali ekukholeleka ukuba yimali efunyenwe kulwaphulo-mthetho.

Abarhanelwa, indoda yelinye ilizwe kunye nowasetyhini waseMzantsi Afrika, kulindeleke ukuba bavele kwiNkundla kaMantyi yaseQonce ngomhla wesine (4) kweyeSilimela ngezityholo zokuthengisa iziyobisi.

UKhomishinala wePhondo laseMpuma Koloni uLieutenant General Vuyisile Ncata uncome iqela lamapolisa ngomsebenzi wabo ophumeleleyo wokulwa nolwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks