Amapolisa eMpuma Koloni abambe abarhanelwa abahlanu ngezityholo zokukhuthuza ishishini, oku kulandela iphulo eliqhutywe ngabezobuntlola ngamalungu aphuma kwisithili saseAmathole naseChris Hani.
Isithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni uthi, babanjwe kuKomani ngoLwesine ngoncedo lwecandelo leK9, iFlying Squad, kwakunye namalungu enkampani yabucala yonogada.
Uthi amapolisa alunywe indlebe kulandela ukuphangwa kwamashishini eGcuwa naseNgqamakwe emini.
UMdleleni uthi la malungu alulandele olu lwazi aze adibana nemoto yohlobo lweFord Figo kuhola wendlela uN6 eyamiswa.
Abarhanelwa abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesibini ukuya kumashumi amathathu anesihlanu ubudala, babanjelwa ukuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe ezixabisa malunga neR120 000, kwakunye nesixamali esingachazwanga, nemipu emibini nembumbulu.
“La madoda mahlanu alindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi kuKomani ngoMvulo, ngezityholo ezisusela ekubeni nempahla ebiweyo ukuya kukufumana imipu nembumbulu (amatyala amabini) ngaphandle kwempepha (amatyala amabini) xa kuqhutywa uphando,” Watsho uMdleleni.
