ICandelo loPhando oluKhethekileyo (SIU) lincoma ukubanjwa okwenziwe liCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili (ooKhetshe), liphawula inyathelo elibalulekileyo lokuqubisana nezenzo zobuqhophololo ezinxulumene neSikimu sokuNceda abaQeshwa beThutyana (TERS) eMpuma Koloni naseFreystata.
Abantu abane babanjiwe kwaye bajongene nokutshutshiswa ngokubandakanyeka kwabo ekufumaneni imali ye-TERS ngobuqhetseba bokuyilwa kwabasebenzi bobuxoki. Esi sikimu sayilwa ukukhupha imali kwiNgxowa-mali ye-Inshurensi yabaSebenzi kwiSebe lezabaSebenzi (i-UIF) ngexesha lobhubhani we-COVID-19, ejolise ekuxhaseni imizi-mveliso echatshazelwe kakubi yile ntlekele.
Abamangalelwa, abaphuma kumatyala ahlukeneyo eMpuma Koloni naseFreyistata, babanga inkxaso-mali yeTERS kwi-UIF, besebenzisa imikroba kwinkqubo. Phakathi kwabo singabala uNomvuzo Melody Kupiso (49), Tlotliso Molaba (38), Lehlohonolo Class Motaung (38), kunye noLelokonyana Isak Letseng (44).
Kwityala likaNomvuzo Melody Kupiso, uphando ludize ubuqhophololo apho uKupiso, ebambisene noKhayathi, bafaka isicelo ngokungekho mthethweni sezibonelelo zeTERS kubantu abangasaqeshwanga yinkampani. Ubungqina obungeyonyani beentlawulo benziwa ukungqinisisa la mabango, okubangele ukuba kuhlawulwe isixa-mali esikhulu kuKhayathi.
Ngokufanayo, uMolaba, uMotaung, kunye noLetseng, abasebenza nge-Afrikhan Source kunye neenkampani ze-Izuz Gibbor, basebenzise inkqubo ye-TERS ngokufaka amabango obuxoki egameni labantu ekucingelwa ukuba bayachaphazeleka. Nangona befumene iimali ezibalulekileyo kwi-UIF, kwafunyaniswa ukuba aba bantu abazange baqeshwe kwezi nkampani kuthethwa ngazo.
Emva kophando lweSIU, lo mba uye wadluliselwa kwiGunyabantu lezotshutshiso, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa eBloemfontein nasePhuthaditjhaba. Ikhutshiwe ibheyile, kwaye ityala limiselwe ukuqhubeka nokuxoxwa.
Igunyaziswe nguMongameli Cyril Ramaphosa, i-SIU ze yaqhubeleka nokuphonononga izityholo zolawulo olugwenxa kwi-UIF, iqinisekisa ukuba ubungqina bolwaphulo-mthetho buthunyelwa ngokukhawuleza kwiGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) ukuze lithathelwe amanyathelo omthetho.
Oku kubanjwa kugxininisa ukuzibophelela ekwenzeni izinto elubala kunye nemfezeko ekusasazweni kweemali zoncedo.
By Anita Qubula.

