Home Iindaba Kubanjwe abarhanelwa abathandathu ngenxa yemigodi engekho mthethweni eMonti

Kubanjwe abarhanelwa abathandathu ngenxa yemigodi engekho mthethweni eMonti

Kubanjwe Abantu abathandathu kugqogqo olwenziwe kwimigodi engekho mthethweni e-Leaches Bay eMonti ngoLwesihlanu.

Isithethi somaspala ombaxa waseBuffalo City uSamkelo Ngwena uthi akukho mthethweni ukubo lomgodi uvuliwe kwaye awuvumelekanga ukuba usebenze ngokuba ephelelwe lixesha,.

Abarhanelwa kuquka kubo uMlawuli we-HJT wokuThuthwa kwemigodi kunye nabasebenzi bakhe abahlanu.

UNgwenya uthi indawo ivalwe ngoko nangoko kwakhona kwaye abarhanelwa baqwalaselwa kwisikhululo samapolisa saseFleet Street, apho bajongana khona namatyala okwaphula umthetho kwicandelo lama-24 (f) le-NEMA.

ISebe lezembiwa kunye namandla (i-DMRE) likhupheke inkampani isilumkiso ngomlomo ngoNovemba 2023, xa iphepha-mvume laphelelwe lixesha.

Ngokwecandelo lama-49 nge-NEMA, isohlwayo solwaphulo-mthetho sinokukhokelela kwizigidi ezili-10, okanye iminyaka eli-10 ejele okanye zombini.

Umasipala ombaxa waseBuffalo City , nolawula lomhlaba, uthi unethemba okukubanjwa kwabarhanelwa kuyakuthumela umyalezo onamandla kubo bonke abo bangawukhathalelanga umthetho wokusebenzisa lemigodi ngokungekho semthethweni.

Abarhanelwa bazakuvela enkundleni kungekudala.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks