Amapolisa athe gqolo ukulwa nokuxhaphaka kwemipu engenazimpepha-mvume kwisithili sase-O.R Tambo, kubanjwe abarhanelwa abathathu abangamadoda abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (30) ukuya kumashumi amathathu anesihlanu (35) eLibode naseMqanduli ngenxa yokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.
Iqela le-Tactical belilandela ulwazi olukhokelele eMpindweni A/A-Libode ngoLwesine, umhla wamashumi amabini (23) kweyoMqungu 2025, malunga nentsimbi yeshumi (10:00) kusasa nalapho lafumana imipu emibini engenampepha-mvume, kubanjwa abarhanelwa ababini abangamadoda aphuma kwimizi eyahlukeneyo. Yomibini imipu inamanani apheleleyo azizazisi zawo, omnye wabikwa kwisikhululo samapolisa eMadeira njengoko wabiwa ngeyeNkwindla 2024.
Bobabini abarhanelwa bavele phambi kwenkundla kamantyi yaseLibode ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amabi anesine (24) kweyoMqungu 2025, amatyala abo ahlehliselwa uLwesine, 30 kweyoMqungu 2025 ukuze bafumane isicelo sebheyile.
Kwisiganeko esahlukileyo eMqanduli, amapolisa afumene i-12 GA Shotgun (enenombolo ye-Serial number) kunye neembumbulu zayo ezilishumi elinanye (11), ebambe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala kwiiFlethi ii-Holy Trinity ngoLwesihlanu, nge-24/01 malunga nentsimbi ye-08:00 emva kwengcebiso.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseMqanduli namhlanje, 27/01 ngezityholo zokuba nompu ongekho mthethweni kunye neembumbulu. Uphando ngayo yonke imipu efunyenweyo luyaqhuba.
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo uMajor General Norman Modishana uqhwabele izandla amapolisa ngomsebenzi onzima nokuzimisela kwawo ekufumaneni imipu engekho semthethweni kwesi sithili esetyenziswa ukuvisa abantu abaninzi intlungu.
