18.6 C
King William's Town
Monday, April 8, 2024

Kubanjwe abarhanelwa ekurhaneleka ukuba baxhomisa iimoto ezithutha imali eMpuma Koloni

Amapolisa aseMpuma Koloni abambe abarhanelwa abasixhenxe akholelwa ukuba bebesiza kweli phondo bezokuphanga imoto yemali.

Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi abarhanelwa babanjwe ngoLwesithathu ngamalungu eProvincial Crime Intelligence kunye neNational Intervention Unit yaseMthatha.

Uthi abakwantsasana bafumane isilumkiso sokuba abarhanelwa baseMpuma Koloni bebehamba ngemoto yohlobo lweToyota Quantum.

UNaidu uthe inqwelo-mafutha ibijongwe ngeliso elibukhali phambi kokuba amapolisa ahlasele kuCentane, aze abamba abarhanelwa abasixhenxe abaneminyaka phakathi kwama-42 ukuya kuma-58 ubudala.

“Abaphandi baxakekile behlola ukuba banokubandakanyeka kusini na kwamanye amatyala eMpuma Koloni.

“Omnye umrhanelwa ebefunwa ngetyala lokubiwa kwemoto eGcuwa, ekusenokwenzeka ukuba uyayanyaniswa nelinye ityala lokuxhonyiswa kwemoto ethwala imali eMthatha ngoJuni ka-2023.

“Omnye umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe ubudala ebengaphandle ngebheyile kwityala lokuphanga imali kuTsolo kweyeDwarha ngo2018,” utshilo uNaidu.

Uthe isiqhushumbisi esithengiswayo, imoto, kunye neeselfowuni ezilishumi zohluthiwe.

“Abarhanelwa bavalelwe ngesityholo sokufunyanwa neziqhushumbisi. Kulindeleke ukuba kubekho amatyala ongezelelweyo l njengoko uphando luqhubeka.

“Kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala,” utshilo uNaidu.

Umkomishinala wephondo uNjengele Nomthethelele Mene ukwamkele ukubanjwa kwabo, esithi baza kusebenzisana namanye amaphondo ukuseka nawaphi na amaqhina anokubakho kwizigebenga ezithutha imali.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.6 ° C
18.6 °
18.6 °
85 %
4.1kmh
100 %
Mon
18 °
Tue
22 °
Wed
19 °
Thu
17 °
Fri
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks