Amagosa ayaqhubeka nogqogqo lokucoca umbindi weTheku. Ubuncinci bangamaShumi amathathu anesithandathu (36) abantu bangaphandle ababanjiweyo abanye benamaxwebhu omgunyathi ngexesha logqogqo ngoLwesibini.
Amaziko ogcino-mthetho ekunye nenkulumbuso yaKwaZulu-Natal uThami Ntuli bagxile ekuncothuleni neengcambu abaphambukeli abangekho mthethweni kunye nokutya okungekho mthethweni.
