By Nyameka Lamani
Amagosa esebe lamaPolisa kuMasipala oMbaxa wase-Ekurhuleni (EMPD) abambe abasetyhini ababini abangabemi bangaphandle, abaneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) kunye namashumi amathathu anesixhenxe (37) ngokufunyanwa kunye nokurhanelwa ukuba bahambisa amayeza ngokungekho mthethweni.Esi sibini sibanjwe ngosuku lweshumi(10) kweyoMnga ka 2025 ngexesha kumiswa kugqogqwa izithuthi.
Ngelixa benyanzelisa umthetho kwindlela iModderfontein, amagosa amise iFord Ranger emdaka.Ekugqogqeni isithuthi eso, aye afumana iibhotile ezilikhulu(100) zamayeza okhohlo-khohlo.
Abarhanelwa bavumile ukuba bathengise lamayeza kubasebenzi basemgodini abangekho mthethweni kodwa basilela ukuvelisa iirisithi okanye ilayisensi esemthethweni ye-SAHPRA.
Ukuhlolwa okuthe kratya kubonise ukuba omabini la mabhinqa awana zimpepha kwaye akweli lizwe ngokungekho mthethweni.
Abarhanelwa bavalelwe kwisikhululo samapolisa eBenoni, bejongene nezityholo phantsi komthetho iPharmacy Act (Act 53 of 1974), Immigration Act (Act 13 of 2002), kunye nokuhambisa amayeza ngokungekho mthethweni. Balindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseBenoni kungekudala.
