Amadoda amabini aseluvalelweni eRhawutini emva kokufunyanwa negolide exabisa malunga neshumi elinesihlanu yezigidi zeerandi (15 million).
Isithethi sooKhetshe, uKapteni Lloyd Ramovha, uthi uJoacham Chivayo oneminyaka engamaShumi amathathu aneSithathu (33) waseZimbabwe noAyanda Gungwa oneminyaka engamaShumi amabini (20) weli loMzantsi Afrika babanjwe eHelderwyk Estate eBrakpan ngoLwesibini.
Uthe iqela eliphandayo “lenze umsebenzi ocetywe ngobuchule”, nto leyo ekhokelele ekubeni bobabini abarhanelwa bafunyenwe benezitena ezintandathu (6) zegolide engekagutywa, njengoko bebezama ukufumana umthengi.
URamovha uthe aba babini bavele okokuqala enkundleni ngoLwesithathu kwaye basavalelwe.
“Uphando olongezelelekileyo luyaqhuba ukukhangela imvelaphi yegolide kunye nokuchonga nabaphi na abarhanelwa abongezelelekileyo ababandakanyeka kolu rhwebo lungekho mthethweni,” utshilo.
