Amalungu ecandelo le-Tactical Response Unit asasazeke kwisithili sase-OR Tambo abambe abarhanelwa ngokufunyanwa nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha-mvume ngale ntsasa phakathi kwentsimbi ye-03h00 ukuya kweye-09h00.
Amapolisa aqinisekisa ukuba u-Operation Shanela phantsi koxinaniso oluphezulu uyavakala ngabaphuli-mthetho xa befumana ulwazi ngamadoda aphethe imipu engekho mthethweni kuQumbu. Bakhawuleza baluhoya olu lwazi bangena kwizindlu ezimbini ezohlukeneyo kwilalali iNkonkweni , eMission ngaphandle kwakuQumbu.
Ekufikeni kwamapolisa, agqogqa indlu yokuqala aza afumana umpu ongenaphepha-mvume (norinco) kunye neembumbulu. Indoda eneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) ubudala iye yabanjwa kwangoko emva kokuba zingalivezi iphepha-mvume.
Kuphando lwamapolisa adlulele komnye umzi kwakule ngingqi yoLawulo lwaseNkonkweni abamba indoda enamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala ngokufunyanwa nemipu nembumbulu ngaphandle kweempepha-mvume. Kuqhutywa uphando lokukhangela ukuba ingaba le mipu ayidityaniswanga na kuko nakuphi na ukwenziwa kolwaphulo-mthetho.
Aba babini bazakuvela kwinkundla kamantyi wakuQumbu kungekudala.
