Kubanjwe amanina amathathu ngobuqhophololo bamabango omhlaba.

By Asipile Kitchen.

La manina ajongene nobuqhophololo bamabango omhlaba emveni kokubanjwa ngooKhetshe, ngomhla we-14 kweyeNkwindla 2025, eMonti.

UNozipho Goci (58), Siphokazi Goci (55) noNonzame Jikityala (27) bajongene netyala lobuqhophololo bamabango omhlaba emva kokubanjwa ngooKhetshe ngomhla weshumi elinesine (14) kweyoKwindla 2025, eMonti.

La matyala asukela kuphando olukhulu olubandakanya ubuqhophololo bamabango oomhlaba phakathi ko-2017 no-2024.

Ngo-2024, abantu abaninzi, abaquka uFuneka Malusi, umphathi ophezulu kwiSebe Lezophuhliso lwaseMaphandleni nemicimbi yomhlaba eMonti, namalungu osapho lwakhe, babanjelwa ukudibanisa nokuvuma amabango omhlaba nobuqhophololo.

Kutyholwa ngelithi abarhanelwa batshintsha inkcukacha zomxhamli bathumela la mabango obuxoki ukuphambukisa imali engapha kwe-R9.3 yezigidi.

Esi sisithathu besivele enkundleni yamatyala ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoKwindla 2025, bakhululwa ngebheyile yamawaka alishumi erandi (R10 000) umntu emnye, ityala labo lamiselwa umhla weshumi (10) kuTshazimpunzi 2025 ukuze kwenziwe uphando oluthe kratya.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA