Home Iindaba KUBANJWE EMVA KOKUKUFUMANYANWA NEZIYOBISI EZIXABISA I-R150 000

KUBANJWE EMVA KOKUKUFUMANYANWA NEZIYOBISI EZIXABISA I-R150 000

Umsebenzi oqhutywe ngempumelelo oqhutywa bubukrelekrele ukhokelele ekubanjweni kwendoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala kunye nokuthathwa kweziyobisi ezininzi ezingekho mthethweni.

NgoMvulo, umhla wokuqala (1) kweyeSilimela, iCandelo lobukrelekrele beSithili saseSarah Baartman lenze umsebenzi oqhutywa bubukrelekrele, liqhuba umyalelo wokukhangela ngokubambisana neQela lokungenelela leSithili saseSarah Baartman kwindawo ekujoliswe kuyo eMhlonyane Street Kwanomzamo, eHumansdorp.

Ekufikeni kwindawo, umyalelo wokukhangela waziswa kumnini wendawo oneminyaka engamashumi amathathu anesithau (33) ubudala apho emva kokukhangela kwenziwa khona.

Ngexesha lokukhangela amapolisa afumene iipilisi ze-mandrax ezingamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anesihlanu (835), i-tik engama-207.54g kunye ne-cocaine engama-93.72g efihliweyo kwizinto zefenitshala kuyo yonke indlu.

Iziyobisi ezinexabiso eliqikelelwa kwi-150 000-00 zeerandi zithathwe kwaye umnini mzi ubanjwe ngokuthengisa iziyobisi.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kungekudala.

IKomishinala yeSithili saseSarah Baartman, uBrigadier Abdoerahgmaan Humphries uqhwabele izandla iqela, wancoma umsebenzi wabo oqhutywa bubukrelekrele, kwaye walumkisa amaqela eenkampani ukuba inkonzo yesipolisa iza kuqhubeka nokuphelisa ngogonyamelo uthungelwano lweziyobisi.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks