Home Iindaba Kubanjwe indoda (45) ubudala, ngezityholo zokukhomba umfazi wakhe ngompu.

Kubanjwe indoda (45) ubudala, ngezityholo zokukhomba umfazi wakhe ngompu.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ubanjwe kwindawo yaseMhlotsheni, kwaMajola A/A ePort St John's ngokukhomba unkosikazi wakhe ngompu, we-9mm ngelixa bexabana.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ubanjwe kwindawo yaseMhlotsheni, kwaMajola A/A ePort St John’s ngokukhomba unkosikazi wakhe ngompu, we-9mm ngelixa bexabana.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ubanjwe kwindawo yaseMhlotsheni, kwaMajola A/A ePort St John’s ngeCawe, umhla we-28 yenyanga yeKhala 2024, ngentsimbi yokuqala (13H00) ngokukhomba unkosikazi wakhe ngompu, we-9mm ngelixa bexabana.

Njengoko amapolisa ebambe umrhanelwa, emva kokudizwa kuwo ukuba umrhanelwa unomnye umpu, ongumbayimbayi, awunike isalamane esineminyaka elishumi elinesixhenxe (17) kwalapha kule ndawo. Amapolisa aqhubele phambili ukuya kwikhaya elichongiweyo afumana umpu, ze abamba umfana oneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ubudala kwaye wakhululwa phantsi kokhathalelo lwabazali ngenxa yokuba enompu ongenaphepha-mvume.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala uvalelwe kwisikhululo samapolisa ePort St John, etyholwa ngokukhomba ngompu kunye namanye amatyala ekusenokwenzeka ukuba ongeziwe.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks