Iphulo eliqhutywe ngamaLungu oThintelo loLwaphulo-mthetho libangele ukubanjwa komrhanelwa ngokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwelayisenisi.
NgoMgqibelo 01/02 malunga nentsimbi ye-18:00 amalungu ebekwimisebenzi yawo yemihla ngemihla ejikeleza indawo. Kutyelelo lwabo, bafumana ulwazi ngomrhanelwa onompu ongenampepha-mvume kwingingqi yoLawulo lwaseQebe.
Kwalandelwa ulwazi, bathi bakufika bamfumana umrhanelwa ekwindlu yakhe. Kwenziwa ugqogqo, kwaza kwafunyanwa imipu nembumbulu.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu ananye (31) ubudala wabanjwa waze wabekwa ityala lokufunyanwa nemipu nembumbulu ngaphandle kwelayisenisi. Uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseNgcobo ngoMvulo, umhla wesithathu kweyoMdumba 2025.
UMkomishinala weSithili sase-Chris Hani uMajor General Rudolph Adolph uqhwabele izandla amalungu ngokuzinikela kwawo kunye nempendulo ekhawulezileyo ekuqinisekiseni ukuba lo mpu ungenaphepha-mvume uyathathwa.
