UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uNjengele Nomthetheleli Mene ukuqhwabele izandla ukubanjwa kwendoda yaseMonti eneminyaka engama-52 ngoLwesibini umhla we-5 kweyoKwindla ngo-2024 ngezityholo ezimanyumnyezi ezinxulumene noburheletya babantwana.
Njengenxalenye yephulo eliqhubekayo elijolise kubantu abaxhaphaza abantwana ngokwesondo kwi-Intanethi, umtyholwa ubanjelwe ukusasazwa, ukufikelela, ukukhuphela, ukuququzelela kunye nokubukela iphonografi yabantwana eMonti.
Ngamakhulu emifanekiso engamanyala yabantwana afunyenwe kwizixhobo zakhe ngumphandi wenkundla. Ngexesha lokusebenza, iiselfowuni, iilaptops kunye nezixhobo ezahlukeneyo zokugcina lamanyumnyezi nazo ziye zathinjwa.
Ingxelo yamapolisa ibonisa ukuba, Umrhanelwa uyinxalenye yabantu abangama-27 abaxhaphaza abantwana ngokwesini kwi-Intanethi abachongwe eMzantsi Afrika njengenxalenye yephulo elihlangeneyo lamazwe ngamazwe. Amalungu e-Ofisi eyiNtloko yoPhando loLwaphulo-mthetho (i-SECI), i-SECI eMpuma Koloni kunye neSebe loPhando loKhuseleko lweLizwe loMzi wozakuzo wase-US aqhube iphulo lokuthotywa nokubanjwa ngomhla wesi-5 kweyoKwindla ngowama-2024.
Umtyholwa uvelile kwinkundla kamantyi yaseMonti ngomhla wesixhenxe kweyoKwindla kwaye ugcinwe eluvalelweni de kube ngomhla weshumi elinesine kweyoKwindla ngo2024 ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni.
UNjengele Mena uye wathi, “Ukubanjwa kwesi sixhaphazi ngokwesondo kubonisa inyathelo elibalulekileyo kwiinzame zethu eziqhubekayo zokukhusela amalungu ethu asemngciphekweni ekuxhatshazweni. Abo babandakanyeka kwizenzo ezibekekileyo baya kuphenduliswa ngokupheleleyo ngokomthetho. “