Home Iindaba Kubanjwe Indoda eneminyaka Engama-72 Ngenxa Yemfuyo Erhanelwayo Ebiweyo eBityi

Kubanjwe Indoda eneminyaka Engama-72 Ngenxa Yemfuyo Erhanelwayo Ebiweyo eBityi

Indoda eneminyaka engamashumi asixhenxe anesibini (72) ubudala ibanjwe ngenxa yokuba nemfuyo erhanelwayo ebiweyo kwindawo yaseTyelebana, eXhongorha, phantsi kwenkundla yamapolisa yaseBityi.

Ngokwengxelo amapolisa afumene lendoda ineegusha ezilishumi elinesithandathu (16) kunye namatikane amabini ngexesha lophando olulandelayo ngoLwesibini umhla wamashumiamabini anesibini (22) kweyeKhala. Lemfuyo, ixabisa malunga ne-R25,000, kuthiwa ibinophawu lokuchonga olutshintshiweyo.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi yaseBityi ngoLwesithathu, umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeKhala, ejongene netyala lokuba nemfuyo erhanelwa ukuba ibiwe

UKhomishina weSithili sase-OR Tambo uMajor General Norman Modishana uthe ukulwa nokubiwa kwemfuyo kuseyinto ephambili kumapolisa, njengoko kuchaphazela iintsapho ezixhomekeke kwimfuyo ukuze ziphile.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks