Home Iindaba Kubanjwe ipolisa laseMpuma Kapa ngezityholo zokubulala indoda eyamthukayo.

Kubanjwe ipolisa laseMpuma Kapa ngezityholo zokubulala indoda eyamthukayo.

IPolisa laseMpuma Kapa linikwe isigwebo seminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngenxa yokubulala indoda ebeqhelene nayo kweyeNkanga ngo-2019, emva kokuba embize ngokuba uyinkwenkwe

By Asipile Kitchen.

IPolisa laseMpuma Kapa linikwe isigwebo seminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngenxa yokubulala indoda ebeqhelene nayo kweyeNkanga ngo-2019, emva kokuba embize ngokuba uyinkwenkwe.

INKundla yamatyala yaseTlokoeng (eyaziwa njengeMount Fletcher) imgwebile uBusikhaya Zinto oneminyaka engamashumi amane anesibini (42) ubudala, ngokudubula abulale uMthibeli Lehana.

Isithethi se-NPA uLuxolo Tyali uthe uZinto, uLehana nabahlobo bebehamba ngemoto enye, besela utywala, kwalandela ingxabano ngenxa yoba omnye ebize omnye ngenkwenkwe, nto leyo ethathwa njengokunyelisa.

“Ngelixa isahamba imoto, uZinto ukhuphe umpu wadubula ongasekhoyo kwimbambo kwicala lasekhohlo,” utshilo uTyali.

“Abanye abakhweli akhange bambone ngoku adubulayo njengoko bebenxilile kwaye bekungxola nomculo, bave nje isandi nevumba.

“Uthe umqhubi womisa imoto, uZinto waphuma wanyamalala eshiya umpu wakhe womsebenzi.”

“Aba bashiyeke emotweni bambalekisele esibhedlele umhlobo wabo owonzakeleyo, nalapho aye wasweleka khona.”

UZinto uye wabanjwa ekhayeni lakhe.

Ngexesha kuxoxwa elityala, kufunyenwe ubungqina kumangqina amabini ebesemotweni ngelixa umfi edutyulwa, nakwipolisa elathatha intsalela zomgubo wompu ngaphakathi emotweni.

Umsolwa uzibike njengongenatyala, esusa ityala kuye elisa kwabanye abakhweli.

UTyali uthe kuhlolo olwenziwe ngumtshutshisi wenkundla yamatyala uZonke Maranjana, umsolwa ebeziphikisa, eguqula okwenzekileyo esenza ngathi ebengavisisani ncam nomnye wamangqina.

Inkundla iyilahlele ngaphandle eyakhe ingcaciso ngelithi ayonto yenzekileyo yambhengeza njengomntu ongekho semandleni wokuba nompu.

Umlawuli wabacuphi boluntu waseMpuma Kapa uBarry Madolo ulumkise ngelithi abenzi bobubi bolwaphulo-mthetho bazokohlwaywa, wongeza ngokuba uZinto, njenge polisa, bekufanele wazi ngcono.

“I-NPA itshutshisa amakhulu emiba enjena echaphazela ukhuseleko nokuphila kakuhle koluntu, iqinisekisa ubulungisa bamaxhoba olwaphulo-mthetho,” utshilo uMadolo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks