21.9 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Kubanjwe ithoba labantu aba bandakanyeka kwiyelenqe lokubulalela intlawulo ye-insholens.

By Asipile Kitchen.

UMkomishinala obambeleyo wePhondo leMpuma Koloni, uNjengele uThandiswa Kupiso, uncoma ukuzinikela nokusebenza ngobunono kwegqiza eliphandayo elikhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abalithoba malunga nokubulawa kukaSiwaphiwe Bushula.

Ngokophando, abarhanelwa abalithoba, abaphakathi kweminyaka eyi-26 kunye ne-59, batyholwa ngokubulala uSiwaphiwe Bushula oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala waseJamani, kwingingqi yoLawulo iDaligubha. UBushula wadutyulwa wabulawa ngamadoda angaziwayo kwindawo yakhe ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMnga 2024.

Abarhanelwa babanjwa eThabong, eWelkom, phakathi komhla weshumi noweshumi elinesithathu kweyeSilimela 2025. Banikwa ibheyile kwinkundla kamantyi yaseLibode ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela 2025, laze ityala labo lahlehliselwa umhla wesithathu kweyeDwarha 2025.

UJackson Bushula oneminyaka engamashumi amahlanu anesithoba (59) ubudala, ongumalume kamfi, ekukholelwa ukuba nguye owayebhexesha oku kubulala. Utyholwa ngokuqesha abanye abarhanelwa, ahlala nabo eWelkom, ukuze baqinisekise umfi ngezixa-mali ezithile, iintlawulo ezinokuthi ziphindeke kabini ngenxa yohlobo lokufa.

Uphando ngalo mba luyaqhuba ukuze kufunyaniswe ubunzulu beli yelenqe.

Abo kutyholwa ukuba bayabandakanyeka kwityala lokubulala nguJackson Bushula (59), Malibongwe Nokweza (40), Thandikhaya Mazule (42 – oseluvalelweni), Nomvula Manise (48), Nomveliso Nqetho (51), Vuyisile Wiso (45), Lisa Wiso (51), Alex Manise (23) noAsherley Sigwela (34).

“Eli tyala liqaqambisa ukusebenza okungayekiyo kwe-SAPS, ngakumbi malunga nolwaphulo-mthetho oluphenjelelwa kukunyoluka kunye nokuxhaphaza iinkqubo zezibonelelo zentlalo,” utshilo uMaj Gen Kupiso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
21.9 ° C
21.9 °
21.9 °
37 %
4.9kmh
92 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks