Abarhanelwa abane baselugcinweni lwamapolisa kulandela ukuphangwa kwasemini emaqanda kwindawo yokuthengisa iPEP kudederhu lweevenkile eMetlife eGqeberha.
Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi amadoda amathathu angene kule venkile ephethe imipu efuna imali kunye neefowuni kwisefu.
Uthi babaleke kwindawo yexhwayelo ngeChevy Spark emhlophe ebonwe ngamapolisa emva kweeyure ezimbalwa kwindlela iHighfield eSchauderville.
UBeetge uthi xa umqhubi wemoto ebona amapolisa ubaleke ixeshana, kodwa isithuthi sade sema kwaye abarhanelwa bazama ukubaleka ngeenyawo.
Uthi bobane babanjiwe kwaye kufunyenwe benemipu neembumbulu kwakunye nobhaka omnyama ogcwele iifowuni, iitshaja kunye nesixa semali esingachazwanga.
Abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesithathu nengamashumi amane anesithathu bazakubekwa ityala lokuba nemipu nembumbulu ngokungekho mthethweni kwakunye nokuba nempahla ebiweyo ngokungekho mthethweni.
Ezinye izityholo zinokongezwa njengoko uphando luqhubeka.
