15 C
King William's Town
Monday, October 13, 2025

Kubanjwe owaseTyhini eGqeberha ngexesha loqhankqalazo.

Amapolisa aseGqeberha abambe owasetyhini oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) emva koqhankqalazo lokuhanjiswa kweenkonzo ngentseni yangomhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeKhala 2025 eWells Estate, eGqeberha. Kolu qhankqalazo kutshiswe ibhasi kwabakho neenzame zokutshisa iofisi kaCeba.

Olu qhankqalazo luqale ngoMvulo umhla weshumi elinesine (14) kweyeKhala 2025, kwindawo ekuthiwe yiRabie, kwaye namhlanje malunga nemizuzu elishumi elinesihlanu emveni kwentsimbi yesihlanu ngentseni (05:15) luye lwaqala kwakhona uqhanqalazo ngethuba amalungu asekuhlaleni atyholwa ngokujula isiqhushumbisi sepetroli ngakwi-ofisi kaceba. Umlilo uye wacinywa ngokukhawuleza kwaye akukho monakalo kwiofisi.

Malunga nentsimbi yesithandathu (06:00) kusasa, abahlali baqalise ukutshisa amatayara kunye nenkunkuma phambi kweholo kwaye umrhanelwa olibhinqa wabanjwa ngamapolisa kaMasipala. Malunga nentsimbi nemizuzu engamashumi amane emveni kwentsimbi yesithandathu (06:40), kwisitalato iAnvuyo, eWells Estate, abahlali baseRabbie batshise ibhasi kunye neveni. Akukho mntu wonzakeleyo kwaye iSAPS ngoku iyibeke esweni imeko yaseWells Estate.

Amapolisa oCwangco likaWonke-wonke (POPS) azise uzinzo kule meko esebenzisa iimbumbulu zerabha. Imeko izolile, kwaye amalungu amaPolisa oCwangco likaWonke-wonke aza kuhlala kule ndawo. Abaqhubi beemoto bayabongozwa ukuba balumke xa behamba eWells Estate, okanye basebenzise ezinye iindlela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15 ° C
15 °
15 °
96 %
3.4kmh
25 %
Mon
29 °
Tue
25 °
Wed
21 °
Thu
15 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks