Inina elinamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala libanjwe eMonti ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu (13) kuTshazimpunzi emva kokufunyanwa kweziyobisi ezixabisa ngaphezu kwezigidi ezintathu zeerandi (R3 Million).
Isithethi samapolisa uKapteni Hazel Mqala uthi lo wasetyhini ebekhwele ibhasi ebisuka eBloemfontein isiya eMonti. Ibhasi yabonwa yaza yalandelwa kwisikhululo sebhasi iWindmill Roadhouse apho aye wakhonjwa khona.
“Amapolisa emva koko acela imvume yokugqogqa ibhegi yakhe, ayinikwe nguye,” utshilo uKapteni Mqala kwingxelo yakhe. “Ekugqogqeni ibhegi yomrhanelwa, bafumana iziyobisi ekurhaneleka ukuba yi-tik, kunye nezitena ezilishumi elinesihlanu (-15) zecrystal meth. ”
Ukanti ubunzima beziziyobisi bufikelela kuma-20.5 ekg ewonke ukuya kwixabiso lesitrato lezigidi ezithathu zeerandi (R3 Million). Zonke eziziyobisi ziselugcinweni lamapolisa, utshilo.
Umrhanelwa uye wabanjwa kwaye uza kujongana netyala lokuthengisa iziyobisi. Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseMonti ngoMvulo umhla weshumi elinesihlanu kuTshazimpuzi.
