19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Kubanjwe owogcino-mthetho kudubulo laseQuigney

Amapolisa aseMonti abambe igosa lomthetho kamasipala elineminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala malunga nesiganeko sokudubula eQuigney ngoLwesithathu umhla wesixhenxe (7) kweyeThupha, esishiye kubhubhe abantu ababini(2), kwaze kwangxwelerheka indoda yesithathu (3).

Isithethi samapolisa uLieutenant-Colonel Siphokazi Mawisa, uthi umrhanelwa ubanjwe ngale njikalanga emva kokuba eye kwisikhululo samapolisa eFleet Street eyokubika ityala lobuqhophololo.

Nangona kunjalo, ngokwengxelo yeAlgoa, athe amapolisa amrhanela kwaye kuphando oluthe kratya amvalela eluvalelweni emva kokuba ebekwe kwindawo yexhwayelo.

Amapolisa athi ujongene namatyala amabini okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala emva kokuba imizimba yamadoda amabini (2) ifunyenwe ngaphakathi kwisithuthi ebesimise ecaleni kwehotele yaseQuigney.

Indoda yesithathu (3) ifunyenwe inamanxeba okudutyulwa ngaphakathi kwigumbi ababelibhukishile ehotele.

UColonel Mawisa uthi umrhanelwa uzakuvela enkundleni ngoMvulo umhla weshumi elinesibini (12) kweyeThupha

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks