Home Iindaba Kubanjwe uMfundi weDyunivesithi yaseWalter Sisulu emva kokufunyanwa komzimba womntwana osandula kuzalwa kwindawo...

Kubanjwe uMfundi weDyunivesithi yaseWalter Sisulu emva kokufunyanwa komzimba womntwana osandula kuzalwa kwindawo yokuhlala yabafundi.

Abasemagunyeni baphanda ngeNtlekele yeDyunivesithi iWSU eMonti njengoko uluntu lubongozwa ukuba lubonise uvelwano, emva kokufunyanwa komzimba wosana olubhubhileyo kwikhampasi yaseMonti ngoLwesihlanu wesibhozo (08) kweyeNkanga 2024.

Umfundi wasetyhini weDyunivesithi iWalter Sisulu kwiKhampasi yaseBuffalo City uvalelwe elugcinweni lwamapolisa ngoLwesihlanu umhla wesibhozo (09) kweyeNkanga 2024, emva kokubhaqwa komzimba wosana olusanda kuzalwa kumgqomo wothuli kwindawo ehlala abafundi. Olu sana, lusongelwe kwiplastiki yenkunkuma lwaze lwafakwa phakathi kwenye inkunkuma, kubikwa ukuba lubhaqwe ngabafundi abakhawuleze balumkisa abasemagunyeni ngale ntlekele.

Umtyholwa kufikwe egumbini lakhe lokulala ephelelwe ngamandla kubonakala ukuba uye woyisakala ziintlungu, wawa.

Ngokweengxelo zokuqala, olu sana lubonakala lusandul’ ukuzalwa, nanjengoko amapolisa eqikelela ukuba bekungekapheli nosuku lushiywe. Kuye kwatsalelwa umnxeba amapolisa kunye namagosa eForensics kwindawo yexhwayelo, eqinisa uphando kwiimeko ezingqongileyo.

UWarrant Officer Nkohli Majola usiqinisekisile esi sehlo, esithi amapolisa ayiphonononga yonke le meko ukuze abone ubunyani kunye nezizathu ezibandakanyekayo.

“Amapolisa anokuqinisekisa ukubanjwa kowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala ngetyala lokufihla isidumbu sosana, oku kuza emva kokuba kufunyenwe umzimba wosana olusandul’ ukuzalwa kumgqomo wothuli kwenye yeendawo ezihlala abafundi eMonti ngoLwesihlanu. Iimeko ezijikeleze eso sehlo ziyinxalenye yophando. Uzakuvela kungekudala enkundleni,” utshilo uNkohli.

Lo ngumba ontununtunu kakhulu, kwaye uluntu luyabongozwa ukuba lube nobubele kumaxhoba alolo hlobo, kwaye udinga ukuqonda nenkxaso phakathi kophando.

Esi siganeko sihlasimlis’ umzimba sibangele umoya odakumbileyo phezu kwekhampasi, sishiya bobabini abafundi kunye namalungu efakhalthi bengcangcazela. Njengoko iinkcukacha zivela, abasemagunyeni bafuna kunikwe uvelwano kuwo onke amaqela abandakanyekayo, bekhumbuza uluntu ngokubaluleka kovelwano kumatyala anzima kwaye abuhlungu njengala.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks