By Asipile Kitchen.
UMqhubi wesiThuthi sikaMasingcwabane waseMakhanda oneminyaka engamashumi amane ananye (41) ubanjiwe emva kwezityholo zokuzama unyoba igosa lezendlela kuhola wendlela N2 kude kufuphi naseMakhanda.
Esi sisithuthi somngcwabo besithutha umzimba ukusuka e-iNgqushwa sisingise eGqeberha, phambi kokuba simiswe sihlolwe.
Isithethi seSebe lezoThutho u-Unathi Binqose uthe eligosa liye laqaphela uba esi sithuthi besikhwele abantu abathathu ngaphambili, endaweni yoba sona besenzelwe uba kukhwele umntu omnye.
“Umqhubi lona ukhawuleze wenza unikezelo wazama ukunyoba eligosa ngelithi azazithengele isiselo esibandayo, njengoba oku kuyinto eqhelekileyo kumanye amagosa,” utshilo uBinqose.
“Ukhawuleze wabanjelwa ukuzama ukunyoba igosa elisemthethweni.”
Abakhweli ababini, ebebekhweliswe kwesi sithuthi baye bakhululwa baqhubeka nohambo lwabo. Umnikazi kamasingcwabane kuye kwaqhagamshelwana naye uba azolanda esi sithuthi somngcwabo.
Umqhubi kulindeleke uba avele kwinkundla yamatyala ngoLwesibini
