Home Iindaba Kubanjwe umrhanelwa malunga nokuzama ukuphanga isithuthi senyama, eGqeberha.

Kubanjwe umrhanelwa malunga nokuzama ukuphanga isithuthi senyama, eGqeberha.

Amapolisa aseGqeberha abambe umrhanelwa ze afumana umpu, oku kulandela ukudubulana phakathi kwabarhanelwa kunye nenkampani yonogada yabucala eAlgoa Park.

Amapolisa aseGqeberha abambe umrhanelwa ze afumana umpu, oku kulandela ukudubulana phakathi kwabarhanelwa kunye nenkampani yonogada yabucala eAlgoa Park.

Isithethi samapolisa uSandra Janse Van Rensburg uthe kurhanelwa ukuba bekubiwa imoto yenyama kwindawo yaseSwartkops ngenjikalanga yangoLwesibini, kwaye kukholeleka ukuba abarhanelwa basebenzise isixhobo sokuvala umkhondo ukuqinisekisa ukuba imoto ayikhangelwa.

Uthe inkampani yonogada yabucala ibikhangela imoto yaze yayibona kwindlela i-Dyke eAlgoa Park.

“Njengokuba imoto ngelo xesha ibihamba kwisitalato iDitchling isingise eYoung Park, abarhanelwa baqaphele imoto yenkampani yabucala yokhuseleko baza babadubula.

Oonogada bale nkampani baziphindezela kwaye abarhanelwa baphulukene nolawulo lwemoto apho ithe yangqubana neemoto ezine (4) ngaphambi kokuba ime.

UKapteni Janse van Rensburg uthi abarhanelwa ababini (2) babalekile kwindawo yexhwayelo ze owesithathu wonzakala esuswini, wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango.

Amapolisa ohluthe isixhobo sokudubula kunye nompu oyi-9mm

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks