Kubanjwe umrhanelwa omnye emva kokuxhonyiswa kwesigadla esithwala utywala

Umrhanelwa onamashumi amathathu anesixhenxe (37) useluvalelweni emva kokuba amadoda amabini(2) eqweqwedise ilori eSherwood eGqeberha ngoLwesine umhla wesibhozo (8) kweyeThupha.

Isithethi samapolisa, uKapteni Andre’ Beetge, uthi esisehlo senzeke emva kwentsimbi yesibhozo kusasa xa isigadla ebesisisa utywala kwindawo ethengisa utywala kwisitalato iKei sithe saqweqwediswa ngabarhanelwa ababini (2) abangamadoda.

Uthe umqhubi nomncedisi wabo baye baphuma ngenkani emotweni bangena kwimini-bus baqhutywa ukuya kwindawo yaseWalmer apho bafike bashiywa ematyholweni akufutshane namangcwaba.

UBeetge uthe kwabeendaba aba babini baye balumkisa abakwasidlodlo eWalmer kwaza kwaqaliswa ukukhangela ilori eqweqwediweyo, nto leyo ekwabandakanya usasazo lwesipolisa.

Uthe le indiza-mshini yamapolisa ibene ilori kuhola we-R334 phakathi kweMotherwell neKariega kwaye emva “kokuyijikeleza”, ilori yema, ze abarhanelwa ababini (2) abangamadoda batsibela ngaphandle babalekela kumatyholo axinene kakhulu ecaleni kwendlela.

Amalungu ohlukeneyo enkonzo yesipolisa kunye namagosa okhuseleko e-Atlas asabela kwi-backup call, kwaye umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala wabonwa ngokukhawuleza ngumqhubi we-chopper.

“Amalungu esebe lengingqi abambe umrhanelwa encediswa ngamalungu enkampani yonogada.

“Wabanjwa ngokusesikweni ngamalungu esipolisa ase Kariega, kwaze kwafunyanwa iinyembezi zika Vctoria, ezithe ,athinjwa ngamapolisa,” utshilo uBeetge kwabeendaba zeAlgoa

Ukukhangela iqabane lendoda liyaqhubeka.

Umphathi weSithili saseNelson Mandela Bay, uNjengele Vuyisile Ncata uvakalise umbulelo wakhe kubudlelwane obuhle bokusebenzisana phakathi kwamapolisa kunye nabathathi-nxaxheba bangaphandle abathathe inxaxheba ekubuyiseni ilori.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
64 %
2kmh
82 %
Sun
24 °
Mon
23 °
Tue
23 °
Wed
31 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA